Badumile kodwa abenzi mali abeMaskandi

Uluntu lwaseKapa lonwabele umnyhadala weCalabash StoryTellers

“Umthi ongenazingcambu usiwa ngapha nangaphaya ziinkqwithelo de uncothulwe zizikhukula, ngoko ke kubalulekile ukuba iingcambu zakho uzimilisele ngokuthi uzazi ukuba ungubani, waphi, yintoni injongo yakho ebomini? Ukuba uyazimilisela kwinkcubeko yakho, ungema ungagungqi kwiinkqwithela namaqhwa, kuba uzomeleze enyanisweni yakho. Amatye ophoswa ngawo ungawaqokelela abe yinduli yethemba nempiliso.”

Lawo ngamazwi aphuma kuAndrea Dondolo ozidla kakhulu ngesiNtu, inkcubeko namasiko.

Le nkosazana yakwaDondolo eyimbongi nomdlali weqonga kumabonakude ibingumququzeleli womnyhadala kamaskandi nokubaliswa kweentsomi yeCalabash StoryTellers.

Lo mnyhadala ububanjelwe eLookout Hill eKhayelitsha eKapa nalapho oonobalisa babelene ngeqonga neemvumi zomculo kamaskandi.

OkaDondolo uthi ukuthengiswa komculo ngondlela mnyama ngumbulala zwe, nobusela obungafuni kusinekelwa. Uthi isazela somntu masiphile kuye engagadwanga.

Nanjengoko lo mnyhadala ubunonobalisa beentsomi uDondolo uthi amabali akhuthaza incoko, imfundiso, ulonwabo kwaye avula amathuba emisebenzi.

“Kuzwedala oomakhulu babethatha eli thuba lokubalisa iintsomi bafundise, bonwabise kwaye boluleke umlisela nomthinjane weAfrika,” utshilo.

Ekwathe incwadi yemveli lilizwi elibhalwa entliziyweni liphile naphakade. Ukanti enye yemvumi zikamaskandi ebezikhona kulo mnyhadala uNtombethongo uphefumle naye kumba wokuthengiswa komculo ngondlela mnyama.

Uthi Iimvumi ziduma zidume kuzwelonke kodwa akukho mali bayenzayo ngenxa yalo mkhuba. Ubongoze abemi beli ukuba banike inkxaso kwiminyhadala yobugcisa efana nalowo ukuze zikhule nezinye iimvumi ezisakhasayo.

Ibikokokuqala kusingathwa umnyhadala iCalabash Story Tellers, kodwa abaququzeleli nabaxhasi bathi uzakuqhuba minyaka le.