Badutyulwe babhubha ooceba ababini beANC

Umbutho olawulayo iANC, ukholelwa ukuba ooceba beANC kuwadi 43 ababini abadutyulwe babhubha eNelson Mandela Bay, uAndile Andries, 45, kwakunye noLubabalo Keso, 41, ukubulawa kwabo akunanto yakwenza nenkomfa eza kubanjwa kule mpelaveki eMonti.

Aba badutyulwe ngoMvulo emin’ emaqanda kule veki kwilokishi yakwaNobuhle eGqeberha. Bebephuma endlini kaAndries besiya phandle ngethuba bedutyulwa ngabantu abakhwele kwiQuantam neye yabaleka emva koko. Esi sibini siye sabhubha ngoko nangoko kwindawo leyo yexhwayelo.

Unobhala wengingqi yaseNelson Mandela Bay, uLuyolo Nqakula, udlulise amazwi ovelwano kusapho lwamaxhoba nakwabanye oogxa babo beANC. Uthi abenze oku babafuna bebanjiwe kwaye batshutshiswe. Uthi oku akunanto yakwenza nenkomfa ekujongwe kuyo kule mpela veki.

Esi sehlo sokuhlaselwa kooceba eNelson Madela Bay ayisesokuqala kulo nyaka nanjengoko kwinyanga ezidlulileyo kudutyulwe kwabulawa uceba waseNelson Mandela Bay uMzwandile Booi esemotweni yakhe.

UBrigadier Tembinkosi Kinana, uthi unobangela wokuhlaselwa kwaba babuleweyo awukaziwa, amapolisa asaphanda kwaye bekungekabanjwa mntu. UKinana ukwabongoza kuluntu luncedisane namapolisa malunga noku kwaye luza kukhuseleka, kungenjalo lutsalele ku08600 10111.

Inkomfa yeANC yeli Phondo kulindeleke ukuba ibanjelwe eICC eQuigney eMonti ukuqala ngoLwesihlanu ukuya ngeCawa (6-9).