Bafana bombhoxo niyambesil’ iAfrika

Hay’ ihayi mfo kaKolisi hay’ihayi!

Wawaqeqesha, wawaqoq’ amaBhokobhoko mfo kaKolisi.

Nawatywatyusha, nawaxathula nawabhulel’amasaka amakhwenkw’aseNgilani!

Niziqaqambisile MaBhokobhoko zangqin’izizwe!

Huntshu ma-Afrika! nditsho kuni mathol’amadun’omthonyama.

Ndith’ iAfrik’ iyazingca, inegugu neqhayiya ngokuzal’amadodana!

Lidumasi, yimincili, namantyontyelo kumzi weAfrika.

Nditsho kuwe mfo kaErasmus!

Ziyangqungq’ iintombi zezwe lethu, bayagaj’abafana beAfrika.

Kwekhu! Kwatsho kweqwenge, kwagcob’ imiphefumlo

Emnk’amaxhala “kumlisela nomthinjana”.

Satsho sakwaz’ ukucinga kutshanje!

Ngokuba kakade le nt’ ingumntwan’ oyindodana yinto yaloo nto.

Lanxakam’ ilizwe mntakaKolisi, lombela, lagida.

Lathi, “ningompondo zihlanjiwe makwedini” zonwabil’ izizwe ligalelo

nempumelelo yenu madodana.

Wangqukrulek’unozala, wathi, “yizani naloo ndeb’ eAfrika ngomoya kaThumamina.

Hambani ke niyokunyathela kuloo Maphond’oMzantsi Afrika.

Apho amanyange alel’ ukuthula ngoba kaloku kulapho amandl’akhoyo.

Huntshu zitsibabhokhwe huntshu!!!