Bafumana ingeniso ngombona eTsomo

 

Amafama aseQombolo eTsomo athi uncedo abalufumane kurhulumente lubenze bayeka ekulimeleni izisu zabo kuphela, koko bakwazi nokwenza ingeniso yokugxotha ikati eziko kwiintsapho zabo.

 

La mafama athi ubomi babo abusafani nakuqala emva kokuba isebe lophuhliso lwamaphandle eMpuma Koloni, lithe labanika inkxaso-mali yokulima umbona kule lali.

 

Isebe lichithe imali engange-R800 000 ukusukela ngo-2013 ukuncedisa amafama ale ndawo. Ukwenza lo msebenzi wolimo, amafama aseQombolo abhalisa phantsi kwendibanisela ebizwa njengeZanendyebo Maize Project.

 

Usihlalo wale ndibanisela uJongikhaya Mdinginya, uthi libancede kakhulu eli phulo, kuba ngoku bayakwazi ukulimela ingeniso endaweni yezisu kuphela.

 

“Abantu abathabathe inxaxheba kweli phulo banemihlambi yeenkomo neegusha ezondlekileyo. Asiphelelanga nje ekubekeni ukutya etafileni, koko neebhanki zethu ziyancumisa,” utshilo uMdinginya.

 

Umphathiswa wesebe lophuhliso lwamaphandle nezolimo ephondweni, uMlibo Qoboshiyane, uthi bakhuthazwe linyathelo lamafama ale ndawo, nabonakalise umdla wokuvelisa ukutya esebenzisa amasimi ebefudula elele.

 

“Kufuneka sibancedise ngeemarike zokuthengisa nokucolwa kombona wabo. Kwakhona kuza kufuneka sibancedise nangocingo lokubiyela amasimi abo,” utshilo uQoboshiyane.

 

Kwisivuno salo nyaka, la mafama kulindeleke ukuba avune iitoni zombona ezingaphaya kwekhulu elinamashumi asixhenxe, nto leyo eqikelelwa kwimali ekwizigidi ezingamakhulu amathathu anamashumi asixhenxe anesixhenxe (R377 million).