Bafumana izenyeliso abantwana abathatha kade

UYolanda Lupondo nabafundi ababini ecaleni kwakhe Umfanekiso: Phinda Kula

KAPA:

Izikolo zamabanga aphantsi zilungiselelwe ukufundisa nokulola ingqondo yomntwana ngokubhala nokufunda okubhaliweyo.

Kodwa oko akulungelanga bonke abantwana nanjengoko bekhona abo bathatha mva ezifundweni oko kungathethi ukuba ayikho enye into abanokuyenza.

Abantwana abathatha kade ngokwezifundo ezikolweni badla ngokunikwa amagama athile abonyelisayo nto leyo ibadodobalisa ngakumbi ukuba baphelelwe ngumdla nethemba ngakwizifundo zabo.

Oku akunjalo kwisikolo iSiviwe esiqeqesha, sixhobisa abantwana ngezakhono ezahlukeneyo besebenzisa izandla. Aba ngabantwana ekunyanzeleka ukuba basuswe kwizikolo zikawonkewonke ngenxa yokuba bethatha kade kwizifundo zabo ze bangeniswe kwizikolo ezilungiselelwe bona.

Isikolo iSiviwe esiseGugulethu samkela abantwana abaneshumi elinesine iminyaka ubudala de babe neshumi elinesibhozo leminyaka.

Oko kuthetha ukuba bachitha iminyaka emine kwesi sikolo befundiswa imisebenzi yezandla eyohlukeneyo.

Kwesi sikolo baxhotyiswa ngezakhono ezifana nokuchwela, izifundo zokupheka, ukwenza iinwele, ukuthunga iimpahla, iintsimbi zokwenza iiheke, nokwakha ukutsho oko ukubeka isitena kwanokutyabeka izindlu ngodaka lwesamente.

NgoMgqibelo umhla wamashumi amabini anesixhenxe kweyeDwarha bebenomsitho kwisikolo sabo nalapho bebeqhayisa ngezinto ezintle abazenzileyo ebudeni bonyaka, ze bazithengisele uluntu ukuzama ukunyusa ingxowamali yesikolo. Lo ngumsitho wokuboniswa kuthengiswe imisebenzi yabo nobanjwa rhoqo ngonyaka.

“Bafuna ukubonisa uluntu ukuba bayakwazi nabo ukwenza izinto ezintle ngezandla zabo kuba lukho uluvo lokuba akukho nto banokwazi ukuyenza kuba bathatha kade ezifundweni,” utshilo uYolanda Lupondo, 44, oyinqununu yesikolo.

Uthi imisebenzi yabo emihle yezandla ingabavulela amasango aliqela kuba bangamachule yaye ekwatsho ukuba bambi xa sele belinikele umva eli ziko lemfundo baye baziqalele amashishini abo.

OkaLupondo uthi iphupha labo besisikolo kukuba abantwana xa bephuma kweli ziko lemfundo babe bekwazi ukuzenzela bazithengisele imisebenzi yezandla zabo.

Le nqununu ithi nangona abantwana bejongelwa phantsi kwiindawo abahlala kuzo, ababafaki cephe mlonyeni koko yonke imisebenzi abayenzayo iphuma kubo, esitsho ukuba bona besisikolo bancedisa nje kwindawo abasilela kuzo ze babanike inkxaso eluqilima.

Uthi abantwana bathunyelwa zizikolo abafunda kuzo xa kubonwa ukuba bayasilela ezifundweni zabo emva kokuba benziwe uhlolo zingcali kwezengqondo.

Kungokunje esi sikolo sinabafundi abayi488 nesaqala sinabantwana abayi57, sineminyaka elishumi elinanye sasungulwayo. ULupondo uthi xa bephuma kwesi sikolo badlulela kwiikholeji zoqeqesho nadiza ukuba basebenzisana neFalse Bay kwaneCape Town College.

“Abantwana bafike bengazithembi kuba bebefumana izenyeliso kwizifundo zabo kodwa ngoku bazithembe ngeyona ndlela imangalisayo,” itshilo le nqununu.

Wongeze ngelithi abazali akubalulekanga ukuba banyanzelise ukuba abantwana babo babengoogqirha, kubalulekile ukuba bayazi ukuba banazo izakhono ezahlukeneyo.

Esitsho ukuba esisikolo sasifudula sisonyeliswa sibizwa ngamagama, kodwa uthi ngoku wonke umntu ekuhlaleni unomdla wokuba abantwana babo bangafunda kwesi sikolo, esithi ngelishwa oko akuvumelekanga kuba silungiselelwe abantwana abathile ingakumbi abo basilelayo kwizifundo zabo kwizikolo zikawonkewonke.

Omnye wabafundi kweli zikomfundo uManelisi Makomasi, 18, ofundela ukuba ngumakhi, uxelele I’solezwe ukuba uqale kwesi sikolo ngo2015, kungokunje ukunyaka wakhe wokugqibela.

Uthi unqwenela ukuqhubeka nezifundo zakhe ze akwazi ukuziqalela ishishini elilelakhe.