Bafumene iilayisenisi zokuqhuba abakhubazekileyo

UZamani Xebe waseDuncan Village ofumene isiqinisekiso seempepha zokuqhuba

ULulama Ntandazo Sabani welokishi iReeston kwakunye noZamani Xebe welokishi iDuncan Village eMonti, bathi ukufumana kwabo iziqinisekiso zokuqhuba kufana nephupha kubo, kuba bebengazi ukuba bangaze babe nazo ngenxa yesimo abakuso sokukhubazeka.

Esi sibini sibenenyhweba yokubakuqeqesho lwenkqubo yeDisability Economic Empowerment Trust (DEET) ibambisene noEngen nejongene nokuncedisa abo baphila nenkubazeko ekubeni bafumane izakhono zokuqhuba izithuthi.

Aba bapase ngale nyanga ibekelwe ezothutho (Transport Month).

USabani wazalwa enengxaki nto leyo yambangela ukuba anqunyulwe umlenze, uthi kuza kumvulela iminyango emininzi ukufumana kwakhe le layisenisi.

“Ndiyavuya ngokupasa kwam le layisenisi. Oku kuza kuthi kundivulele iminyango ebikade ivalekile. Ukukhula kwam ndandisoloko ndisithi umntu onjengam onomlenze omnye akasoze ayiqhube imoto, kungoko ndibulela kuEngen nakuDEET ngokuthi bandinike eli thuba lokuziphucula nokuzithemba,” utshilo.

UXebe yena wafunyanwa sisifo sepoliyo sele ezihambela ngeenyawo zakhe zombini.

“Ngokufumana kwam esi siqinisekiso kuthetha ukuba ngoku ndizokwazi ukukhangela amathuba omsebenzi. Abantu ekuhlaleni banento yokucinga ukuba umntu okhubazekileyo akanakuqhuba moto, kodwa ngoku ndinguyelo nelayisenisi yam,” uthethe watsho.

Le nkqubo apha eMpuma Koloni iphehlelelwe kunyaka ophelileyo, kumanye amaphondo afana neLimpopo, Mpumalanga kwakunye neFree State sele iqhuba.

UManejala Jikelele kwaEngen nokwakweNxibelelwano, uKhalid Latiff, uvuyisene nesi sibini saseMonti kwakunye nabanye abaqhubi abaphumelele kolu qeqesho bafumana iilayisenisi zabo. Uthi le nkqubo yabo noDEET, iqinisekisa ukuba abakhubazekileyo bayakhathalaleka de babe bagqiba ixesha labo kuqeqesho.

“Inkqubo yelayisenisi inawo onke amalungiselelo afana nokubhukishelwa, ukuncediswa, kwaneeyure eziyi20 zokubasebaleni ufundiswa ukuqhuba,” utshilo uLatiff.

“Injongo kukuphakamisa abaxhamli abayi20 kwiphondo ngalinye ngezi zakhono.” Utshilo uLatiff.