Uzakuvela enkundleni kwakhona ngoLwesine wale
veki umrhanelwa ojongene namatyala aquka ukudlwengula abulale inkondekazi
kwilali iBolotwa eNgqeleni.
Umrhanelwa, uAseza Makinana (29) ebevele
enkundleni yamatyala eNgqeleni okokuqala ngoLwesithathu weveki ephelileyo. Ityala
lakhe liye lamiswa emva kokuba umbuso ucele ithutyana elingangeentsuku ezisixhenxe
zokuphanda umrhanelwa kwezinye iziganeko zolwaphulo mthetho.
Ngethuba evela enkundleni abahlali beelali zaseNgqeleni
baphakamise amakhephe khephe ngaphandle kwenkundla yamatyala besithi makagcinwe
ngaphakathi ngenxa yobungozi anabo.
UMakinana ubanjwe emva kokubulawa kwenkondekazi eneminyaka engama-75 kwilali
yaseBholotwa eNgqeleni. Ixhoba uGaga Nomuntshu wabhubha
emva kokudlwengulwa emva koko wakrwitshwa kwezi veki zimbini zidlulileyo.
Ngethuba
evele enkundleni uMakinana bathathu abantu ababike ukuba nabo bangamaxhoba
okudlwengulwa nguye. Omnye wabahlali ukhale iinymbezi, ebalisa ngendlela
awadlwengulwa ngayo nguMakinana, waza emva koko wamxabela amanxeba amathandathu
entloko.
Uthe, “Ndiyavuya
wabanjwa wavalelwa, ibuhlungu into awandenza yona kwiveki ezimbini
ezidlulileyo. Ndasindiswa kukuzilwela kodwa wandohlula ngamandla wandixabela
ngezembe.Siyamoyika makangabuyi entolongweni.
UMaphelo Vava obethethela abemi beelali eziquka
iBolotwa, iMhosi nezinye phantsi kweeWadi ezine eNyandeni uthe umrhanelwa
kudala edlwengula amaxhegwaza kodwa engabanjwa kuba abantu bengaqinisekanga ukuba
ngenene nguwe owenze lo mkhuba.
Uthe” Umntu osincedisileyo ngumama
uNomathamsanqa owathi wamlayita wambona nguye kwalula ukumbamba. Abanye
bayoyika ukuxela ukuba bayadlwengulwa.” UVava uqhube wathi, “Sonwabe kakhulu
singabahlali sophumla ekuhlaleni. Le nkwenkwe idlwengule udado boyise de
yamxabela ngezembe.”
Ilungu losapho lwexhoba uNolithemba Ntangana uthi
kuyaluvuyisa olusapho ukubanjwa komrhanelwa emva kokwenza eli sikizi.
Amapolisa
athi, kuthathwe incindi kumrhanelwa nezakuhlolwa ngeliqokelela
ubungqina obumoyamanisa nesi senzo.
Kubhubhe abayi-45, konzakala omnye kwingozi yebhasi eLimpopo