Bafuna amagumbi esikolo abafundi basePhangindlela

Kuphazamisekile ukufunda kwisikolo samabanga aphantsi iPhangindlela kwilali iMaqomeni eMqanduli izolo ngethuba abafundi nabazali benyanzelisa ukwakhelwa isikolo lisebe lezemfundo eMpuma Koloni.

Abazali bavuke ngonyezi bayovala amasango esikolo besithi akuzufundwa de isebe lezemfundo lisabele kwizikhalazo zabo, kwaye bekulindeleke namhlanje kuqale iimviwo zaphakathi enyakeni.

Esi sikolo sesinye esineengxaki zokuphuphuma kwamagumbi ngabafundi kweli phondo.

Ukanti kwamanye amagumbi bafunda bengaphaya kwamashumi amathandathu.

Usihlalo webhodi elawula isikolo, uMandisa Gcolotela uthi bafuna kwakhiwe isikolo nanjengoko babegqibele bekwindawo yesibini kuluhlu lwezikolo ezizokwakhiwa.

“Into esothusayo, izikolo ezazizokwakhiwa nePhangindlela sele zigqitywa kodwa esethu akukacaci ukuba sizokwakhiwa nini. Sithathe isigqibo sokuphazamisa inkqubo yokufunda nokufundisa nangona bekumele kuqala iimviwo zaphakathi enyakeni.

“Akuzufundwa de umlawuli wesithili uThemba Dyasi azothetha nathi angathumeli amagosa esebe. Sirhalela noba ngamagumbi ethutyana okwangoku ukunqanda le ngxinano yokungafundeki,” kutsho Gcolotela.

Amagosa esebe lezemfundo anike ingcaciso ngelithi iPhangindlela izokwakhiwa kunyaka mali ka2018/19 nto leyo ingabaxolisanga kwaphela abazali bathi akukazufundwa.

UNkosi Phathekile Holomisa wale ndawo ugxeke amagosa karhulumente ngokunganiki ngxelo abalawuli besikolo esithi imisindo yabazali ibangelwe kukungaxelelwa inyaniso ngolwakhiwo lwesikolo.

Uthi ziyavakala izikhalazo zabazali nangona ukuphazamisa le nkqubo isisigqibo esiqatha nje.

Umfundi wenqanaba lesithandathu kwesi sikolo uSiseko Seyiwa uthi bakhathazekile kukungafundi ePangidlela esithi banexhala kuba basecicini lokungazibhali iimviwo zaphakathi enyakeni ekulindeleke ziqale namhlanje.

UWandile Ngceba ongunobhala weSadtu eMqanduli uthi ukugcwala kwamagumbi ngokudlulisileyo yingxaki ekudala beyikhalazela kwisebe lezemfundo.

Ukwathi barhalela kufakwe amagumbi ethutyana ukuze imeko ibuyele esiqhelweni, kwaye kubhalwe iimviwo zaphakathi enyakeni.

Kunyak’ ophelileyo umfoti weli phephandaba uPhando Jikelo, osele esebenza kubhululu wethu iCape Times, wafumana imbasa kumawonga akwaVodacom ngokuqaqambisa imeko yabantwana basePhangindlela kwibali elalipapashwe liphephandaba I’solezwe lesiXhosa kuCanzibe ka2015.

isibhalo@inl.co.za