Bafuna iBaby Mama Drama eMonti!

Sifiso Nene

IQHULA lodumo eMzantsi Afrika, uSifiso Nene, uzakube esiphathele eyokuqala i “Baby Mama Drama” eHemingways Casino eMonti kule mpelaveki.

Lo mboniso wakhe wokuqala ehamba yedwa, uzakube ukukhanyisela ngamahla-ndenyuka wokuba noBaby Mama okanye uDaddy – kodwa konke oko kuqhutywa yintsini.

UNene, ophuma eMpangeni kwiphondo laKwaZulu Natal, uzakube ehlekisa abathandi bakhe ngoLwesihlanu, 09 kweyeSilimela 2017 eThe Venue, eHemingways.

Kulo mboniso wokuqhula weBaby Mama Drama, uNene usibalisela ngeengxaki ahlangabezene nazo nomama womntwana, kodwa engaphelelanga nje ekubaliseni ngaye, kodwa nokuninzi asele ekubonile ebomini.

Encokolela I’solezwe kudliwano-ndlebe, uNene uthi wayengatsho ukuba uyaze abeliqhula elikhwela eqongeni.

“Konke kwaqala ngethuba ndithand’ ukubukela iPure Monate Show – ndandiye ndibhale iziqhulo ndizise apho kwiPure Monate – ndandifuna ukubhala izinto ezihlekisayo,” uNene uyabalisa.

Uthi wonke lo mbono wakhe watshintshwa nguRonnie Modemola. “Wabona ezo zinto zihlekisayo ndandizibhala waze wacebisa ukuba ndenze iStand-Up Comedy,” kubalisa uNene.

UNene uthi wayedla ngokuya kwiiseshoni zombongo eDUT apho wayefika aqhule khona.

USifiso Nene wangena kwiqonga lokuqhula ngo2009 ngethuba ephumelela kwisizini yokuqala yeSo You Think You Are Funny, eyayiqhutywa kumabonakude kazwelonke.

Emva koko zange abuye mva, waphumelela iwonga leBest Indegenous Comedian kwiiSATMAs, waphinda wafumana iwonga kwiComic Choice Awards.

Eli qhula linomnqweno wokuhamb’ ezinyaweni zikaTrevor Noah ozenzele igama kumazwe asemzini.

“UTrevor usibonisile ukuba konke kungenzeka.”

“Okubalulekileyo ubani kufuneka alisebenzele igama lakhe, awuphucule umsebenzi wakhe,” kutsho uNene.

Lo mboniso sele uhambe izixeko ezifana neBhayi, iTheku, iWitbank nePitoli.

Amatikiti axabisa iR130 eComputicket. Amasango avulwa ngentsimbi yesixhenxe ngokuhlwa ngoLwesihlanu.