Bafuna ibizwe ngoWB Rubusana iBuffalo City

Ayakhula amarhe okuba ungahle ubizwe ngegama likaWalter Benson Rubusana (1858-1936) umasipala ombaxa waseBuffalo City.

Oku kuqinisekiswe ngumphathiswa wesebe lemidlalo nenkcubeko kweli uPammy Majodina ngethuba ekudliwano ndlebe olulodwa nephephandaba I’solezwe lesiXhosa. “Phakathi kwezinye izinto esijonge ukuzenza egameni lakhe, kukho umbono okhulayo wokuba kuthiywe ngegama lakhe lo masipala wase Buffalo City,” utsho uMajodina.

Ngubani ke uWB Rubusana?

Lo kaRubusana wazalwa ngomhla wamashumi amabini ananye kwinyanga kaFebhuwari ngonyaka ka1858 ezalelwa eMnandi eSomerset East. Uyise wayeliphakathi eliphezulu kuKumkani uSandile kaNgqika, waza wafunda amabanga akhe aphantsi kwisikolo iPeelton Mission Station, waya kufunda eLovedale ngonyaka ka1876-1882.

Uhleli kwindawo yase- Peelton eQonce ekhonza apho de wathanjiswa nje- ngomfundisi, waza kamva waya kusebenza kwidolophu yaseMonti. Emva kokuphumelela isidanga kwimfundo uye wayakusebenza njengomhlohli kwilali yase- Peelton.

Usebenze njengomhleli wephephandaba Imvo Zabantsundu, ukwadlale indima ebalulekileyo kumagqiza ebephuma kweli ukuya kwilizwe laseNgilane izihlandlo ezininzi besiya kukhalazela indlela abebephethwe ngayo abantu abamnyama. Oku kwabangela ukuba ahlonitshwe ngabantu abamnyama nabamhlophe ngenxa yenxaxheba yakhe kuphuhliso loluntu. Ngonyaka ka1909 uRubusana wangenelela kuqhankqalazo olaluchasene nomgaqo siseko worhulumente womdibaniso (Union Constitition). Waba yindoda yokuqala emnyama eyathi yangena kwipalamente yephondo leMpuma Koloni emele isizwe sabaThembu.Nonyaka ka1897 wasungula iphephandaba lesiXhosa Izwi labantu ukanti ukhe wabhalela Isigidimi nephephandaba elalibizwa ngokuba yiChristian Express.

Zemk’inkomo Magwalandini

Lo kaRubusana ukho kumadoda abhale iincwadi ezigcine ulwimi lwesiXhosa liphila kwade kwazalwa esi sizukulwana. Incwadi yakhe ethi Zemnk’inkomo Magwalandini idlale indima ecacileyo, kuba ithetha ngemicimbi eyahlukileyo equka imibongo neziduko.

Isihloko sale ncwadi sisodwa sithetha into eninzi, kuba eli xesha wayephila ngalo lixesha apho imeko yezimali, yentlalo, inkolo namasiko nezithethe zabantu abamnyama ayengenelelwa eguqulwa, okanye etshatyalaliswa ngeendlela zase- Ntshona. Le ncwadi yalo mbhali ikwabhentsisa indlela aqhutywa ngayo amasiko esintu kweli, oku konke kwakungenxa yokuba iphulo labaseNtshona lalingena nzulu ukutshabalalisa yonke indlela yokuphila yaseAfrika.

Ngenxa yencwadi yakhe eyayibalisa ibali labantu abamnyama belizwe loMzantsi Afrika lo kaRubusana wafumana isidanga sobugqirha kwiYunivesithi yaseMckinley kwilizwe laseMelika. Lo kaRhubusana ubesisicaka sabantu kuba ebesoloko eyinxalenye yeenkomfa ebezikhangela amacebo okuguqula imeko yentlalo yabantu abamnyama.

URhubusana ubekho xa bekusekwa umbutho iSouth African Native National Congress neyathi kamva yabizwa ngokuba yiAfrican National Congress.

Ngonyaka ka1914 wayekho kwigqiza elaliphuma kweli lisiya kukhalazela igongqongqo lomthetho iNative Land Act of 1913 kwelaseBritane.Udlale indima ephambili ekusungulweni komgaqo siseko wokuqala wombutho we ANC.

Lo kaRhubusana walishiya eli emva kwengulo engephi kwisibhedlele saseFrere eMonti ngomhla weshumi elinethoba kwinyanga kaEpreli ngonyaka ka1936.

Ukunika imbeko kule nkokheli umasipala wase- Buffalo City ebambisene nesebe lemidlalo nenkcubeko kutshanje batyhile ilitye lesikhumbuzo sale ngqanga. Kulindeleke ukuba kwakhiwe umfanekiso oqingqiweyo wakhe kumbindi wesixeko sase- Monti.”Sizakwakha umfanekiso owakhe wamde egameni lakhe, singavuya ukuba lo mfanekiso ungalikrobela lonke iMonti eli,”utshilo uMajodina. Kukho iindawo eziliqela ezithe zathiywa ngegama lale ndedeba eziquka isikolo samabanga aphakamileyo eZibeleni eKomani (Walter Rubusana SSS).