Bafuna imali yebango lomhlaba eZimbane

Liya lisiba shushu idabi ngomba wokuhlawulwa kwemali yebango lomhlaba waseZimbane. Oku kuza emveni kwentlanganiso ebekuqhuma kuyo amaqulo kutshanje eMthatha kwilali yaseNtlekiseni eZimbane.

Le ntlanganiso ibisikelwe ukuhlinza imbiba ngezikhalazo zababangi bomhlaba nokomishinala wamabango emihlaba uZukile Pityi. “Sixhalabile futhi sinoloyiko lokude sinabele uqaqaqa singekayifumani le ntyweka yemali.”utshilo uPityi.

Esi ibisisikhalo soninzi lwabahlali kule ntlanganiso abebequka ulutsha, iinkonde neenkondekazi ezisuka kwiilali ezisibhozo phantsi kweZimbane. Ethethela i-ofisi kaKomishinala obengekho kule ntlanganiso, uThandeka Maqaqa uye walitshabalalisa ithemba labaninzi emveni kokudiza ukuba ayikazufumaneka imali kusekho izidube-dube ezininzi ezifana nokrutha-kruthano kwakunye neyantlukwano phakathi kwekomiti emele elibango lomhlaba nephuma ingena kwiinkundla zamatyala umhla nezolo imangalela nokomishinala lowo nakakade.

“Kudala sijongana nemicimbi ekumila kunje kwiingingqi-ngeengingqi kodwa eli laseZimbane ibango lintsokothile kuba ningababangi nilwa nodwa futhi akukho nxibelelwano phakathi kwenu nekomiti le nayonyulayo ukuba inimele,” utshilo uMaqaqa.

Uthe ukuba bekukho ubumbano phakathi kwabantu baseZimbane lo mcimbi ngesele ukwinqanaba lokugqibela elandulela ukuhlawulwa kwemali, nqanaba elo ilelokwanyulwa kwekomiti esemthethweni nezakunxulumana ngqo norhulumente ngalo mba.

Inkondekazi yaseNtlekiseni eZimbane uVathiswa Bam (75) uvakalise ukungoneliseki nokuphoxeka ziziphumo

zalentlanganiso ngelithi badlelw’indlala. “Sithe sakuvakala isigidimi ngale ntlanganiso ndeza ndibaleka ngethemba lokufika ndilindwe yikiriva ebhalwe igama lam egcwele yintywenka yemali yebango kanti akunjalo, kangangokuba ndide ndacela unyana wam andikhaphe ukuze andiphathise.” utshilo uBam.