
Batsha lilanga, yingqele nemvula abahlali baseTsholomnqa.
Ukulibaziseka kolwakhiwo lwerenki yeteksi eziphuma eMonti zisiya eTsholomnqa kubangela ilahleko emandla kubanikazi beeteksi, kubakhweli nakwabo baphila ngokuthengisela abakhweli.
Le ndawo yaqala ukuba liziko lokulayisha abakhweli abaphuma eMonti besiya kwiilali ezingaphezu kwamashumi amathathu zaseTsholomnqa ngeminyaka yoo-1980, kodwa ayinaphahla lokukhusela aba bahlali kwimvula, ilanga nengqele le ndawo.
Inkokheli yabahlali beelali zaseTsholomnqa uBonisile Dyani, uthathele kuye uxanduva lokulwela ukwakhiwa kwale ndawo. “Sineeteksi ezingamashumi asibhozo anesihlanu eziphuma apha yonke imihla zisisa abantu kwiilali zaseTsholomnqa, ukungabikho kophahla apha kubangela ukuba abantu bangezi edolophini xa kunetha kuba impahla zabo ziyanetha logama belinde ukungena eteksini, lo nto ithwaxa ushishino lweeteksi logama ikwathwaxa aba baphila ngokuthengisela abakhweli,” ucacise watsho uDyani.
Uthi banolwazi lokuba imali yokwakhiwa kwale renki yaphuma kudala kumasipala waseBCM. Iimpahla zabahlali ziyanetha, kuquka nezabo bahlala kule renki imihla ngemihla bethengisa iimveliso zabo ezifana neziqhamo, imifuno neelekese. Le renki ikumhlaba ophakathi kweQueenspark Zoo kunye nevenkile yakwaNicks Food. UKholiwe Mguye ophila ngokuthengisa kule ndawo ingakhuselekanga, wondla usapho ekwafundisa abantwana abathathu ngokuthengisa apha. “Ndinomntwana owenza unyaka wesibini eyunivesithi ngokuthengisa apha, xa kunetha ezi zinto sizithengisayo ziyanetha, abathengi nabo abaphumi kwaselalini ukuza edolophini, zitsho zonakale ezinye zezinto esizithengisayo, sicela uphahla kule ndawo,” uthethe oko uMguye.
Abanikazi beteksi bahlawula imali eqala kumawaka alishumi eerandi (R10 000) inyanga nganye kwibhanki ezibathengisele ezi moto basebenza ngazo. UBongani Dyani ulingqina lale ngxaki yokungakhuselwa koshishino lwabo. “Mhla kutshisa ilanga sibaleka sisithele ezimotweni, naxa kunetha ngokunjalo, sicela kwakhiwe into ezakugquma apha ngaphezu kweentloko zethu sikhuseleke apha,” utsho uDyani.
UMutile Gwangqa ngumhlali waseTsholomnqa oxhomekeke kwezi teksi ukuhamba phakathi kweMonti neelali zaseTsholomnqa. “Siye singezi edolophini xa kunetha, ilanga lona siyalinyamezela noko kodwa siyatsha, ingqele ngokunjalo, sixakwa yile yokuba indala le ndawo kunezi zintsha zakhiwayo zona,” uthethe watsho uGwangqa.
Ingxelo yabahlali ithi babini abantu ababhubhe kwesi sikhululo seteksi kwiziganeko ezibini ezahlukeneyo ngenxa yokutsha lilanga. “Asisafuni nokuthetha nomasipala waseBuffalo City kuba kudala bethembisa izithembiso ezingekhoyo, salahlekelwa lithemba kubo,” utsho uDyani. Othethela umasipala waseBCM uSamkelo Ngwenya, uthi ngenene sifikile kubo isikhalo esimalunga noku.
“Sikhe sadibana nesikhalazo sale renki yaseTsholomnqa, siwuphethe umcimbi, irenki yaseTsholomnqa iyinxalenye yesicwangciso sokwakhiwa kweerenki eziquka eyaseMdantsane, Qonce nezinye.”
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika abhubhele eDRC kulindeleke ukuba ifike