Bafuna kungenelelwe kudushe loonoteksi

Abahlali baseBhongweni eMthatha badlulise uxwebhu lwezikhalazo kwinkundla yamatyala eMthatha izolo beyicela ingenelele kwinto abayibiza ngokungakhuseleki ngenxa yomlo oqhubayo phakathi kweerenki ezimbini iKhwezi kunye neGolden Egg.

Abahlali batyhola ngelithi babethiwe ngoLwesithathu ngabaqhubi bezithuthi zaseGolden Egg ngethuba bebambe intlanganiso kumzi welungu lebhodi kufuphi neziko lombane lakwaEskom.

Inkokeli yabahlali uNonceba Guma uthi babini abahlali ababethwe bonzakaliswa kolu hlaselo kuba bengafuni kukhwela kwizithuthi zabo nabangeniswe esibhedlele.

UGuma ukwathi kunyanzeleka bakhaphe abantwana yonke imihla ekuseni kuba bezohlaselwa ngoonoteksi baseGolden Egg.

Kwelabo icala abaqhubi baseGolden Egg batyhola ngelithi zizizthuthi zabo ezithathu ezithe zabethwa ngamatye ngentseni yaphezolo eBhongweni ngethuba zizama ukukhwelisa abantu kule ndawo ekubangiswana ngayo.

Kusenjalo, namhlanje umnini weeteksi oneminyaka engamashumi amane uzakuvela enkundleni ngezityholo zokubulala umqhubi weteksi uMabhuti Sihle Mnto obesebenza kumzila ophakathi kweLibode noMthatha.

UMnto udutyulwe wabulawa kwiveki ephelileyo kudushe loonoteksi baseMthatha naseLibode.

OoKhetshe (Hawks) bathi lo mnini weeteksi ubanjwe enompu wohlobo lwe9mm neembumbulu ezisibhozo.

Esamkela uxwebhu uAndrew Gqiba oyimanejala kule nkundla yamatyala uthe uzodlulisa uxwebhu lwezikhalazo kumantyi abuyele kubahlali ngokukhawuleza.

isibhalo@Inl.co.za