Bafuna nokuba ngamathambo bawangcwabe!

Sele iyinyanga yesibhozo le usapho lakwaMpokwana kwindawo yaKwaDondashe kuCentane lungayazi nokuba isaphila okanye sele yaba ngamathambo kusini na intombi yalo uNolubabalo Mpokwana (38), owaduka ngeyeNkanga kunyaka ophelileyo.

UNolubabalo, nongumama wabantwana abathathu, wagqityelwa ngomhla wamashumi amabini anesihlanu (25) kweyeNkanga esiya edolophini eyokukhupha imali yomgalelo, eza kuthengela neentsana zakhe impahla yekrisimesi.

Ingxelo ithi akazange aphinde abuyele kowabo kunanamhlanje. Ingxelo ephuma kusapho ithi ngokophando lwabo abazenzela lona babona ukuba uNolubabalo ugqulwe yindoda yakuTsolo kuFacebook, babe sele bevumelana kwangoko, uNolubabalo wakhwela ukuya kuTsolo kule ndoda, nongazange aphinde abonwe.

Othethela ilungu losapho uNoyedwa Rangula uthi elakhe ithemba ulilahlile kwingalo yomthetho yeli kuba akukho matiletile abangawenzanga belusapho ukukhawulelana namapolisa, beqokelela ubungqina kuba besithi benzela lula amapolisa kuphando lwawo, koko arhuqa unyawo sele bukho ubungqina.

“Ndim otsalele lo mfana wakuTsolo, lo uNolubabalo wayeye kuye ndimcupha kwaye ngokuva kwam entetheni naye uyamazi ukuba uNolubabalo uphi okanye wamenzani. Ndikuxelela ukuba ayikho indawo esingayihambanga eluncedo esasicinga ukuba sincedisa amapolisa kwenzele azokubhaqeka umntwana wasekhaya kwaye kubanjwe nomrhanelwa, kodwa zange kubenjalo kuba engekabanjwa nanamhlanje umrhanelwa. Umrhanelwa wavuma ukuba ufikile uNolubabalo balala, kwakusa wamkhapha ekuseni ukuya kwiiteksi ezigodukayo. Xa ndimbuza ukuba wabonwa na xa emkhapha, waphendula wathi kwakusemnyama kaloku,” utshilo uRangula.

Iifowuni zikaNolubabalo zafunyanwa kumrhanelwa emane ephendula abantu kuWhatsapp nakuFacebook kaNolubabalo. Usapho luthi umrhanelwa wathi uyithenge kuNolubabalo ifowuni kungoko zikuye.

URangula uthi babhalela neNdlunkulu yamaPolisa ephondweni bekhalaza ngokohlobo elucotha ngalo uphando, babe nobungqina babe bunikezile emapoliseni kodwa kungekho nto ihambela phambili.

Oku kuduka kukaNolubabalo kwakuphume nakumabonakude, apho usapho luthi uMphathiswa wamaPolisa wathi ‘amapolisa asezinyaweni ayaphanda.’ URangula uthi kwavele kwee cwaka emva kwaloo ntetha, koko zange kuphinde kubekho nto ithethisa ngetyala likaNolubabalo.

Usapho luthi mhlawumbi ukuba uNolubabalo ebephuma kusapho olutyebileyo ngekudala wabhaqeka kwaye ilandelelwe, qha kuba abananto.

UBrigadiya Tembinkosi Kinana, kwiindaba zeSABC nakumanye amaphephandaba wadiza ukuba baza kuqhubekeka bamkhangele uNolubabalo owaduka ngeyeNkanga kunyaka ophelileyo.

Abazali bakaNolubabalo le nto ayibaphathi kakuhle.

UBongani Mpokwana olilungu losapho uthi abasele bekunqwenela ngoku ukuba wabhubha bawazi amathambo kaNolubabalo bamngcwabe bazokuxola. Uthi ngoku bazindindi, abayazi nokuba usaphila okanye umphefumlo wakhe ulengalenga phi.

Abantwana bakaNolubabalo kuthwa bahlala bembuza umama wabo kwaye omdala yena uhlala nje abenomsindo ngamaxesha athile njengoko kungazange kuye nooNontlalo kweli khaya.

Usapho lucela lowo unolwazi eze ngaphambili.