Bafuna ukuncediswa ngezakhono zoshishino ababanga umhlaba

Nomfundo Ntloko-GobodoUMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

UKUBUYISELA nje umhlaba ebantwini bawo akwanelanga nanjengoko abo bafake amabango befuna ukuxhotyiswa ngezakhono zoshishino ezizakubangela ukuba bawusebenzise umhlaba endaweni yokufuna nje imali.

Oku kuvele ngethuba ababanga umhlaba wookhokho, bephuma mbombo zone zoMzantsi Afrika, bebebuthelene kwihotele i-ICC eMonti kwiveki ephelileyo apho bekuxovulwa iindlela zokwenza lo mbandela wokubuyiswa komhlaba ugqibelele futhi wonelise abo bathi boxuthelwa umhlaba ngexesha lorhulumente wengcinezelo.

UMkomishinala oPhezulu kwi-Ofisi yamaBango oMhlaba, phantsi kwesebe lophuhliso lwamaphandle nokokubuyiselwa komhlaba, uNomfundo Ntloko-Gobodo uthi kwisithebe sabo kukho amabango omhlaba ka1998 angama-6 600 ekufuneka bewathathele ingqalelo.

“Ukongeza apho, kutshanje sifumene amabango angaphaya kwe-160 000 amatsha, kodwa sizakulinda isigqibo senkundla ethe yakuthintela ukuphunyezwa kwamabango afakwe ngo-2014, phambi kokuba siwaphumeze,” utsho uNtloko-Gobodo.

UThathibenye Mguqulwa, okwiqela elibanga umhlaba kumasimi eti kwaMajola eSajonisi, uthi ukuthakazelele ukuzimasa le ngxoxo kodwa ukuqhutywa ngesiNgesi kwalo msitho, obuntsuku-mbini, kumenze akeva kubuninzi beengxoxo.

“Iintetho ezinje [zesiNgesi] ziyandeqa, kuba kaloku kuthethwa isilungu, endingasaziyo ke mna. Esilungwini ndibamba phaya naphaya, ezininzi izinto andizazi. Kodwa akhona amaxwebhu endiwathathileyo, ndiza kufika ebantwaneni ndithi mabatolike,” utsho uMguqulwa.

UMguqulwa uthi umhlaba wabo wathathwa ngamabhulu emva koko atyala iti kumasimi aseMajola.

“Xa kubuyiswa umhlaba kwathiwa ubuyiselwa abasebenzi, ngoku ke abasebenzi abanazo izakhono zokuqhuba olwashishino. Ngumhlaba wethu lowa, sifuna urhulumente asincedise ngokusixhobisa ngezakhono,” utshilo uMguqulwa.

UMzwandile Mabindisa, waseMoreteng eMatatiele, uthi babanga umhlaba owathathwa ngamabhulu ngeminyaka yoo1970.

“Siyawufuna umhlaba wethu, sinezicwangciso zokuwuphuhlisa xa sele siwufumene,” utshilo uMabindisa.

UNtloko-Gobodo uthi ngokubanjwa kwale ndibano bebefuna iindlela ezigqibeleleyo zokuqubisana nenkqubo yokubuyiswa komhlaba.

“Sibone ukuba masibambe le ngxoxo, kuba sifuna ukuxhobisa abo babanga umhlaba khon’ ukuze xa befumana lo mhlaba babenezakhono zokuwusebenzisa.

“UNtloko-Gobodo uthi ukuza kuthi ga ngoku, bangaphaya kwezigidi ezibini abantu abathe baxhamla kwinkqubo yokubuyiswa komhlaba esele ityabule umbuso imali engange-R21 yeebhiliyoni zeerandi.