Bafuna ukundidlisa, utsho uceba we-UDM

Usinde cebeshu uceba omele uluntu kumbutho we-UDM eMbhashe emva kokufumana umhlola ngentseni yangeCawe kwitanki lomzi wakhe ngethuba kugwabhuza ugwebu endaweni yokuba kuphume amanzi aqhelekileyo.

Oku kwenzeke kwilali yakuNtlabane kuNdelane kuGatyana apho uNomsa Cele ebeyokuzikhelela amanzi ngepheyile naqhele ukusebenzisa lona xa esikha amanzi emzini wakhe.

“Emva kokuba ndiphawule ukuba amanzi anogwebu, ndiphinde ndalihlamba ipheyile ndisithi inoba belinesephu. Xa ndiphinda ndisikha amanzi, kuphinde kwaphuma amanzi anogwebu kwanombala ongaqheleknga,” utshilo uCele.

“Ndikhwaze abahlali ukuba zokubona babengamangqina. Siye sawanukisa safumanisa ukuba akukhonto inukayo, kulapho abahlali baye bafikelela esigqibeni sokuba mandingabisawasebenzisa de ndibikele amapolisa. Ndikrokrela ukuba ukhona okanye bakhona abantu abafuna ukundidlisa,” kutsho uCele.

UCele ubulele amawabo kwakunye noPhezulu esithi mhlawumbi ukuba ebethumele umntu angaziboneli ngokwakhe ngeye wakhona owonzakeleyo.

Uthi sele ezile amapolisa kwakunye nesebe lemicimbi yezamanzi ukuzokuhlola nalapho baye bathatha isampula ukujonga ukuba luhlobo luni na olu lwetyhefu.

Othethela amapolisa kulo mmandla neziphaluka uKapteni Jackson Manatha uthi, amapolisa azakwenza uphando emveni kokubuya kweziphumo zohlolo lwala manzi.

Umbhexeshi we-UDM eMbhashe uMfokayise Msindwana uthi, balindele ukuba amapolisa enze umsebenzi wawo.

“Embuthweni, ekuhlaleni nakweminye imibutho, iintshaba zikhona,” utshilo uMsindwana.

abongile.ginya@inl.co.za