Bafuna lidilizwe ibandla lakwaMancoba!

Abahlali baseNgcobo neziphaluka bafunge bamunca iintupha besithi bakuxola mhla lidiliziweyo ibandla iMancoba Seven Angels Ministries elikwilali yaseNyanga eNgcobo.

Sele belindele nje isigunyaziso esiphuma kwinkundla yamatyala yaseNgcobo ebavumelayo ukuba lichithwe eli khaya.

Oku bakudize ngethuba umphathiswa wesipolisa kuzwelonke uBheki Cele, umphathiswa wezokhuseleko ephondweni uWeziwe Tikana, ekhatshwa ngumkomishinala wamapolisa ephondweni uNjengele Liziwe Ntshinga, bebambe imbizo eNgcobo ngempelaveki ngeenjongo zokuphulula inxeba kubahlali bala mmandla.

Ukuthi gqolo kutyelela abaphathiswa kule dolophu kulandela emva kwesiganeko sokuhlaselwa kwesikhululo samapolisa eNgcobo kwinyanga yoMdumba, apho kwabhubha amapolisa amahlanu kuquka nejoni elinye bedutyulwa ngoonqevu.

Oonqevu ababhubhayo basixhenxe. Umphathiswa uTikana kwizikhalo zoluntu malunga nekhaya eli, uphendule ngelithi sele belindele isigunyaziso senkundla ukuze baqalise ukudiliza le cawa.

Iinkosi kwakunye nabefundisi kula mmandla bathi esi sehlo singcolise igama labo kwaye bayazibhekelisa kuba oku akudibenanga nabo.

Ukungafunwa kwale cawa iSeven Angels Ministries kulandela emva kokuba oonqevu ababulala amapolisa aseNgcobo bathi babhaqwa kweli khaya kugqogqa owawusenziwa ngamapolisa.

Oonqevu ababhubhayo kolo dubulwano babasixhenxe, apho kubo kwabhubha isithathu sakwaMancoba Seven Angels Ministries. Sithetha nje abanye bajongene netyala lokuphanga kwanelokubulala.

Ukanti umphathiswa uCele ukwatyelele nale cawa apho ancokole ithuba elide nomama weli bandla uNombongo Mancoba.

UCele ukwangene ephuma kumagumbi akweli khaya, lawo kwadutyulelwa kuwo abo babandakanyeka ekubulaweni kwamapolisa.