Bafunda ngokudlala abantwana eMdantsane

ABANTWANA abaselula baza konwaba ngelixa befunda kule mpelaveki eMdantsane.

IKids Fun Festival ngumnyhadala ozama ukuza noncedo kwizifundo ezifana neNzululwazi kunye neziBalo.

Eli phulo liqalwa nguOlwethu Makeleni, uSandile Steer noSivuyile Sishuba.

UMakeleni, ofunde iAnalytical Chemistry, usebenza njengengcaphephe yaseLab eKusile Comprehensive School eMdantsane.

IKids Fun Fest iza kuqhubeka kwiHolo loLuntu kwaNU 12 eMdantsane ngoMgqibelo we21 kweyoMsintsi phakathi kwentsimbi yokuqala emini de ibe ngeyesihlanu emalanga. Kulindeleke kwenziwe imidlalwana yolonwabo, eyenzululwazi , izibalo nokhuphiswano lopelomagama kukho nabakwaNal’ ibali.

“Injongo yokuyenza eMdantsane kukuzama ukuphucula indawo yaseMdantsane nokuncedisana nabazali ekufundiseni abantwana,” kutsho uSishuba encokolela I’solezwe lesiXhosa.

“Sifuna ukubafaka ulwazi kwizifundo zeNzululwazi neziBalo ngoku beselula. Kwaye sifuna bakhule uthando lwezifundo ngoba into eyenzekayo xa befika kumabanga aphezulu uninzi lwabo baye bakhethe iMaths Literacy kuneMaths,” kutsho uSishuba.

Uthi iNzululwazi neziBalo aziphunyelelwa kakuhle nto leyo ichaphazela iziphumo zebakala leMatriki.

“Baye baphele behlala elokishini emva kwematriki. Ngoko sizama ukufundisa ngengcambu yezi zifundo ngokudlala.”

Uthi kulo nyaka uzayo bafuna lo mnyhadala wabantwana uqhubeke rhoqo ngekota. Umntwana ungena ngeR80 emnyango, kwaye izidlo ziza kube zikho.

Umdlali kamabonakude, uRobert Mpisi, odlale kwimidlalo efana neSoul City neThe Queen uza kube ekhona.