Bafundela phandle abantwana baseNgcobo

Xa usiza kude kufuphi nesikolo iVillage edolophini eNgcobo ubona iqela labafundi phantsi komthi ngasesangweni.

Wakusondela uyakuqaphela ukuba aba bafundi bahleli kwiidesika zabo phambilana kukho ibhodi ekubhaliweyo kuyo, yaye phambi kwabo kumi utitshala uyafundisa. Ukusukela ekuvulweni kwezikolo kwiveki ephelileyo aba bafundi bakaGrade 8 abangaphaya kwekhulu ngobuninzi bafundela phantsi kwemithi ngenxa yokunqongophala kwamagumbi okufundela kwesi sikolo.

Oku kuza emva kokuba esi sikolo kulo unyaka siyaqala ukuba nebanga leshumi (Grade12), nto leyo inyanzelise ukuba abafundi bakagrade8 baphume kwigumbi labo lokufundela ukuze kungene abo bebanga leshumi.

Ingxelo yomnye waba bafundi bafundela phandle ithi, kunzima ukufundela phantsi komthi kuba ilanga liyatshintshatshintsha ngokuhamba kwemini kufuneke bajikeleze umthi belandela umthunzi, imeko iye yamaxongo nangakumbi ngolwesihlanu weveki ephelileyo apho kwakunetha imvula bangabi nako ukuhlala phandle kwaye kwanyanzeleka ukuba kudityaniswe amabanga amabini kwigumbi elinye ukuze nabo bafumane elinye igumbi. Uthi nangona kwakuxinene ngendlela engathethekiyo babhungca kwingqele yalo mvula.

Omnye umfundi okuGrade10 udize ukuba kwigumbi labo lokufundela balikhulu elinesine (104) nto leyo eyenza kubenzima ukumamela utitshala xa efundisa eme phambi kwabo. Ukanti abafundi abafundela phantsi komthi bahlala ngabathathu ukuya kwisine kwidesika nganye.

Inqununu yesi sikolo khange ifumaneke ukuba iphefumle ngale meko kubikwa ukuba iphantsi phezulu kwii-ofisi zesebe lezemfundo izama ukufumana isisombululo kule meko.

Iinzame zokufumana obambe njengomlawuli wezemfundo kwesi sithili umnumzana uSimon Ncapai ziwe phantsi, i-ofisi yakhe ithi akazukubakho yonke le veki nanjengoko ejikeleza kwizikolo ezisezilalini ejonga imiba engxamisekileyo yezikolo.

Okwangoku abafundi baseVillage baxhomekeke kububele balo mthi ungasesangweni labo ngethemba lokuba amaqondo obushushu akayi konyuka ngamandla okanye imvula ine.