Bafundisiwe kodwa yinqaba ukufunda!

Ndihleli nogxa wam endiphanda kunye naye kwiinkqubo zolwimi lwesiXhosa, uCuan Monwabisi Dugmore, ofundisa kwesinye sezikolo zasemzini kweli leNtshona Koloni. Sixoxa banzi ngentlungu yesakhono sokufunda esife amanqe kubantwana ezikolweni.

Intsusa yale ngxoxo kukuqaphela ukuba ngokophando endibila ndisoma lulo mva nje, abafundi babonakala bengaqhubi kakuhle ncam kuvavanyo loncwadi ezikolweni.

Olu phando lwam luyiqaphele le meko phaya kubafundi bebakala le-12, kodwa ndithe ngokuncokola nootitshala boncwadi lwesiXhosa kwizikolo eziliqela, ndafumanisa ukuba ingxaki yokungakwazi ukufunda nokuhlalutya kwabafundi imiba ephambili kuncwadi yendele ezikolweni, kwaye isukela kwakwibakala lesi-8.

Sothuke saphantsa ukuwa nogxa wam lo, xa sifumanisa ukuba akuphelelanga kuphela apha esiXhoseni ukusilela kwesakhono sokufunda kubafundi, koko nakwezinye iilwimi abafundi bakhangeleka benzinyelwa kukufunda.

Masikhe siqwalasele ke ngoku izinto ezinokuba yimbangi yale ngxaki, ngxaki leyo inokukhokelela kwisizwe esinezifundiswa nezifundiswakazi ezingakwaziyo ukufunda. Xa ubani engakwazi ukufunda, oku kuthetha ukuba uyasilela nakwisakhono sokutolika oko kubhaliweyo, uyasilela kwisakhono sokukuxabisa okubhaliweyo, kwaye uyasilela ekukhwenceni nasekuhlalutyeni oko kubhaliweyo.

Ukuba isizwe siyasilela kwizakhono zokufundwa koncwadi, oolindithuba namaphephandaba, eso sizwe singanengxaki yokungabi nababhali bangomso, kuthethe ukuba imbali yaso iyanyamalala, itshabalale nabantu baso.

Uphando oluhlala lusenziwa ngamaziko emfundo enomsila, ingakumbi amacandelo enkqubo yokuxhasa abafundi bonyaka wokuqala, luhlala luveza ingxelo ethi uninzi lwaba bafundi bafike bengakulungelanga ukuba kunyaka wokuqala kuloo maziko, kwaye eyona nto ihamba phambili koku kungalungeli kwabo ukufunda kula maziko, kukungakwazi ncam kwabo ukufunda oko kubhaliweyo, baphele bengakwazi ukubhala iimpendulo ezilindeleke kubafundi abakwinqanaba lokuba kumaziko emfundo ephakamileyo.

Kukwafumaniseka kuphando olu ndilwenzayo lwendlela abafundi abafunda ngayo nabafundiswa ngayo uncwadi lwesiXhosa, ukuba abafundi baphelela ukufunda xa bekwigumbi lokufundela bekunye notitshala.

Ngaphaya kwamasango esikolo, amathuba okufundwa kwamaphephandaba, oolindithuba (iimagazini) kunye noncwadi jikelele, anqabe oku kwezinyo lenkukhu.

Bambi xa ndifuthelana nabo bade bavakalise ukuba xa bethe balifumana ixesha lokufunda loo nto banokuyifunda, ubukhulu becala iba koko kubhalwe ngolwimi lwasemzini, isiNgesi.

Ukufundwa kwamaphephandaba esiXhosa afana neS`olezwe, oolindithuba abafana neBona, kwanoncwadi lwesiXhosa olufumaneka kumathala eencwadi kwizixeko abahlala kuzo, akufane kwenzeke, ukuba kuyenzeka, kwenzeka kuba abafundi benikwe umsebenzi wophando ngootitshala ezikolweni.

Ngeliphandle, abantwana bethu bakhetha ukufunda oko kubhalwe ngeelwimi zasemzini kunokuba bafunde okubhalwe ngolwimi lwabo lwenkobe.

Uphando olwavezwa ngubawo ongasekhoyo uNeville Alexander nabakwaTaylor kwisithuba seminyaka elishumi eyadlulayo, lwavakalisa ukuba wena mntwana, wena mfundi, uya kuthi ukuze uchubeke okanye ugqwese kwindlela ofunda ngayo notolika ngayo oko ukufunde kolunye ulwimi, ube sele unaso isakhono sokufunda ngokugqibeleleyo kolu lwakho (lwasekhaya) ulwimi.

Xa kunjalo, ndithi ke mna mthandi wesiXhosa, nokuba olu lwimi loomawokhulu nookhokho bethu ningalubetha ngoyaba kangakanani na, impumelelo yenu emfundweni nakulo naluphi uhlobo lomsebenzi, ixhomekeke kwisiXhosa sakowenu ningamaXhosa nje!

Izakhono zokufunda zingaphuhla njani mawethu, xa uphando lwabakwaHSRC kutsha nje belukhe lwaveza ulwazi lokuba ngaphezulu komyinge weepersenti ezingama-90 (90%) wezikolo zoMzantsi Afrika, azinawo amathala eencwadi?

Kaloku kwithala leencwadi kulapho kuphuphuma khona okubhalwe ngeelwimi ezahlukileyo, kuvele namathuba okufunda ukuze kuloleke ingqondo, kuphucuke nesakhono sokufunda kubafundi. Ndikhumbula ndisesesikolweni kwelo laseCumakala phambili phaya.

Ootitshala bethu sasingazi ukuba kwakutheni besilwela ukubakho kwethala leencwadi esikolweni, sibe singenawo namabala okudlala.

Iingqondo zabuya mhla elo thala lalisilwelwa ngootitshala beso sikolo saseJongile Nompondo safumana inkitha yeencwadi ezazisuka kubaxumi abaliqela.

Ngoko nangoko kwasungulwa amaqela okufunda apho esikolweni, abafundi bangena bephuma ethaleni. Kungekudala amagama afana nooMqhayi; Jolobe; Siwisa; Mbambo; Malgas (ababhali besiXhosa), nalawo afana nooNadine Gordimer; James Hardly Chase; Richard Rive; William Shakespear; Athol Fugard; Antjie Krog; namanye aqala ukuvakala nokugqama kwimilomo yethu bafundi.

Masithi ngoku sikweli phulo luka#Fees must fall, singalibali ukubhengeza nephulo lokwakhelwa kwezikolo ezininzi zoMzantsi Afrika amathala eencwadi.

Endaweni yokuhlala nabantwana bethu phambi komabonakude umhla nezolo, masithi rhutyu iincwadi ezifana neTyala lamawele; iNgqumbo yeminyanya; Buzani kubawo; Intlalo kaXhosa; Umntu lilahle elinothuthu; Umqol`uphandle; Ubulumko bezinja; nezinye ezininzi, sizifunde nabantwana bethu. Sakuthi sakwenjenjalo, kuphuhle isizwe, kugqame ingqiqo nobulumko esizweni.

Ukufunda kuphuhlisa umfanekiso-ngqondweni nomfanekiso-ntelekelelo kulowo ufundayo. Oku kufunda emakhaya kungancedisa ootitshala kumsebenzi omkhulu abawenzayo wokukhuthaza uthando lokufunda ezikolweni.