Bafundiswe ngogawulayo eZwartwater

Usodolophu waseMalahleni uNomveliso Nyukwana ukhokele igqiza lamagosa omasipala wakhe ngethuba kufundiswa abahlali belali yakuQumbu eZwartwater ngesifo ugawulayo.

Othethe egameni lomasipala wamaseMalahleni uLuthando Nqumnkana uthi bathathe lo mcimbi wokukhumbula umhla wesifo ugawulayo kwihlabathi (World Aids Day) bawusa kula lali ngenxa yezi zathu ezithile.

”Esi sikhumbuzo siqhutywa ngomhla wokuqala wale nyanga izayo, kodwa thina sithathe isigqibo sokuba siwuqhube namhlanje apha ngeenjongo zokufundisa abantu bale ndawo ngesifo ugawulayo nezinye iingxaki zasekuhlaleni,” uthethe watsho uNqumkana. 

Uthi oku kungenxa yokuba la lali kutshanje ithe yaduma emva kwesiganeko sokudlwengulwa kwentwazana awathi umama wayo wahlaba wabulala enye yamadoda ayeyidlwengula.

 “Khumbula ukuba kwalapha eZwartwater amapolisa asakhangela umntu odlwengule inkosikazi ekhubazekileyo ongekafunyanwa nangoku lo mntu, ikhona ingxaki kakhulu kule ndawo inkulu, isifo ugawulayo sihamba lula ke xa abantu bengakhuselekanga ngolu hlobo,” utsho.

Amagosa aphuma kumasipala wesithili saseChris Hani, amagosa aphuma kumasebe ahlukeneyo kurhulumente axakeke lajika ilanga kula lali efundisa abantu ngendlela zokuchazwa kwetyala lokudlwengulwa, indlela zokuzikhusela kwisidlwengu, nendlela zokuxela isiganeko sokudlwengula nezinye. 

Ukanti umcuphi okhangela indoda etyholwa ngokudlwengula eZwartwater uNdileka Bokolo, uthi luyaqhuba uphando lokukhangela indoda edlwengule inkosikazi ekhubazekileyo kula ndawo. 

Iinkcukacha zemfuzo zihambile kuba kuye kwenziwa uphando emva koko silindele ukufumana ingxelo esiqinisekisa ukuba ngubani lo wenze oku,” ucacise watsho uBokolo.