Bafungele ulonyulo abahlali baseSterkspruit

Bafungele ukubuyisa isidima sedolophu yabo ngeevoti zabo abahlali baseSterkspruit kumasipala waseSenqu ngokuxhasa umbutho wabahlali iSterkspruit Civic Association.

Lo mbutho uzigqamise ngokwenza la dolophu ayalawuleka ngonyaka ka2012 emva kokuba babenyanzela ukuphuma phantsi komasipala waseSenqu befuna ukuzimela.

Izolo lo mbutho umisele ngokusesikweni umqulu wawo wezithembiso zolonyulo kula dolophu uxhaswa yimibutho eyahlikileyo yasekuhlaleni. Othethe egameni lalo mbutho uMthethunjani Yiliwe uthi bazakwenza umahluko kulo- nyulo oluzayo loomasipala.

“Sifuna ukubuyisa ii-ofisi zomasipala zibuyele apha eSterkspruit kuba abantu abaninzi balo masipala bahlala apha, ukukhula koshishino lale ndawo kuxhomekeke ekukhuleni koshishino lale dolophu,” uthethe watsho uYiliwe.

Bathi abanakuze bakuxolele ukuthathwa kwee ofisi zikamasipala ziyekubekwa kwidolophu yaseLady Grey.

“Umbutho olawulayo awukakwazi nangoku ukusinika isizathu sokuba kuthunyelwe ulawulo lalo masipala kwidolohu yaseLady Grey, la dolophu inabantu abambalwa, iSterkspruit inabantu abalikhulu namashumi amane amawaka, abo bantu bayasokola bahamba imigama emide xa befuna iinkonzo zikamasipala,”utsho uYiliwe.

Uthi bona beyi- Sterkspruit Civic Association bazimisele ukutshintsha oku ngokuthi baxhase oosomashishini abasakhulayo ngezimali, baphuhlise ulutsha benze indlela ezisemgangathweni.

Lo mbutho ubangele ingxuba kaxaka kula ndawo ngonyaka ka 2012 de kwangenelela urhulumente kazwelonke bengavumi ukugoba iphondo benyanzela ukuba bafumane omnye umasipala.

“Abantwana bethu bahamba iikhilomita ezingamashumi asixhenxe ukuya kufumana iinkonzo zikamasipala ezifana nokwenza iincwadi zokuqhuba, ngemini enye bahlawula imali ekumakhulu amabini eerandi, nithi singaxola kanjani kwimeko enjalo, ”uvungame watsho uYiliwe.

Ukanti umbutho wabezoshishino iSterkspruit Business Sector uthi inkxaso yabo yeli linge ayijiki kuba bayaluva ulwamvila lorhulumente ophethe kula ndawo.

UPheko Metula uthethe egameni labezoshishino eSterkspruit.

“Sifuna inguqu apha kwaye lo uphetheyo urhulumente akanako ukusinika, imisebenzi yokwakha iindlela nezindlu apha inikwa iinkampani zoshishino zangaphandle, iinkonzo zogutyulo lelindle azikho kodwa sibizwa imali ephezulu.”