Bafunwa apha ababulele uNjobe

Usekela mphathiswa wamapolisa

Usekela-Mphathiswa wamapolisa, uBongani Mkongi uthi ayizokuphela le nyanga yokuzalwa kukaNelson Mandela engabanjwanga odubule wabulala usomlomo webhunga lomasipala iRaymond Mhlaba, uThozama Njobe kule veki.

UNjobe udutyulwe lahlanza iselwa, emva kothotho lweembumbulu ngethuba ekwilokishi iNew Town eBhofolo kubusuku bangoMvulo.

Ethetha eBhodolo, uMkongi uthi amapolisa sokuze aphumle de afumane odubule wabulala uNjobe.

Ukuthethe oku ngexesha eqaphela usuku lokuzalwa kukaMandela, apho achithe imizuzu engamashumi amathandathu anesixhenxe ngokuthi apeyinte i Creche, i-Amandla eBhofolo.

Othethela amapolisa ephondo, uColonel Sibongile Soci, uthi uNjobe udutyulwe ngexesha ebuya kwindibano ebibanjelwe eNew Town.

USoci uthi ixhoba belinamanxeba kumzimba ungentla kwaye liye laswelekela esibhedlele.

UMkongi obebonakala evutha ngumsindo ngenxa yesisenzo, uthe amapolisa funeka aqinisekise ukuba awalali buthongo buhlayo ekhangelana nababulali bakaNjobe.

“Lo mntu ubulele uNjobe, ndifuna amapolisa amkhangele amfumane ingekapheli le nyanga,” kutsho uMkongi.

Kodwa uthe ukuze afumaneke lo mbulali, abahlali kufuneka bancedisane namapolisa ngomkhondo.

UMkongi ukhe wasebenzisana nexhoba ngexesha wayezokujonga imeko yesikhululo samapolisa aseBhofolo ekwakubonakala sikwimeko emaxongo ngoko. Uthe isikhululo samapolisa kule ndawo ebenethemba lokuba uzakusivula ngokusesikweni kunye noNjobe, kodwa ngoku ukhathazekile kuba akasekho emhlabeni.

UMkomishinala wamapolisa ephondweni, uLieutenant General Liziwe Ntshanga uthe bazakwenza ngako okusemandleni ukuqinisekisa ukuba uyabanjwa umbulali kaNjobe.

UNobhala weANC eAmathole uTeris Ntutu udlulise amazwi ovelwano kusapho lakwaNjobe.