Bafunyenwe bebhubhile ooZama Zama abayi-20

AMAPOLISA aseMntla Ntshona avule iqwakuqwaku lophando emva kokufunyanwa kwezidumbu ezingamashumi amabini zooZama Zama kwiindawo ezimbini ezikwimigodi engasetyenziswayo eOrkney eKlerksdorp kule veki.

Ingxelo yamapolisa ithi ngoLwesibini kufunyenwe imizimba emihlanu kumgodi ongasetyenziswayo eLawrence Park eOrkney ze ngoLwesithathu kwafunyanwa imizimba elishumi elinesine ngakwisiporo sikaloliwe eAriston eOrkney. Ngethuba amapolisa elapho eAriston, afumene ingxelo yokuba kukho omnye umzimba wesithandathu kwindawo apho bebefumene kuyo le mihlanu.

Amapolisa kwindawo yexhwayelo apho kufunyenwe khona imizimba yooZama Zama UMFANEKISO: FACEBOOK

OoZama Zama ligama elisetyenziswa kubantu abangena kwimigodi esele ingasetyenziswa ze bombe izimbiwa ngokungekho semthethweni.

Amapolisa athi yonke le mizimba ifunyenwe yonakele kwaye ibhijelwe ngeebhegi zeplastiki ezimhlophe. Le mizimba ayaziwa mntu kwaye yeyamadoda yonke, atshilo amapolisa.

Kuza kwenziwa uqhaqho lwemizimba ukuphendla unobangela wokubhubha kwabo. Uphando ngale nyewe luyaqhuba kwaye lungaquka ukunxulunyaniswa kwesi sehlo kwakunye nevidiyo ebekudala ijikeleza kumakhasi wonxibelelwano yendoda ezibiza u ‘Mafifi’ecela uncedo ngokurhaxwa kwakhe ngumsi owenzeke kumgodi waseNumber Six.

“Amapolisa acela nabani na onganolwazi ukuba aqhakamshelane noColonel Gaanakgomo ku 082 568 5975 okanye inombolo yamapolisa u 08600 10111,” itshilo ingxelo yamapolisa.