Bafunyenwe beqhuma abafana baseKapa

Kapa: Yimizimba yabafana ababini efunyenwe isaqhuma kwingingqi yamatyotyombe ooUT eSite B ngentsasa yanamhlanje, nekubonakala ukuba itshiswe ngobusuku bayizolo. 
Abahlali bala ngingqi bathi bothuswe kukubona into eqhumayo kufutshane nesikolo samabanga aphantsi iKhuse, nalapho bafike badibana nombono wamagatyana amabini ekucaca ukuba atshiswe ezinzulwini zobusuku.

Umzimba womnye umfana ubusondele kakhulu kumgxobhozo wamanzi ulele ngobuso.

Nangona kungavakali mntu unolwazi lwesono esenziwe ngala maxhoba, kodwa abahlali ebebezithethela kwindawo yexhwayelo bavakele besithi bebegqugqisa ngokuphanga abantu.
Omnye umhlali uthi: “Indlela le ebesingonwabanga ngayo ngenxa yokoyika aba bafana, badibene nentanga yabo okanye baphange ongaphangwayo.”
Nangona kuvakele iintetho ezinje, usomlomo wamapolisa aseSite B uKapteni Mascelus Rajap uthi:   “ Amapolisa ebehlola kwingingqi yoogobityholo yoo-UT afumene isikhalazo emapoliseni malunga nemizimba ebonwe ngabahlali, ekufikeni kwawo ayibonile ngenene le mizimba. 
Amaxhoba aqikelelwa kubudala obuphakathi kwamashumi amabini anesibini namashumi amabini anesihlanu, okwangoku akukho mntu uwaziyo kwaye akukho mntu ubanjiweyo”.
Uthi amapolisa aza kuvula idokethi lokuphanda ngamatyala amabini okubulala.