Bafunyenwe besenenyama emqolo ababi bemfuyo kuKomani

Kubanjwe amadoda amathathu eMoltino kude kufuphi nakuKomani ngamapolisa emva kokuba efunyenwe enenyama yegusha beyixwaye emqolo ngeebhegi.

Ukubanjwa kwabo kulandela emva kokuba ibutho elijongene nokubiwa kwemfuyo esipoliseni libikelwe ukuba kukho imfuyo ebiweyo.

Isithethi samapolisa akuKomani uMajor Tembisile Patekile, uthi abarhanelwa abathathu baye babhaqwa kwangoko, omnye kubo ufunyaniswe enamatyala anxulumana nawo ngaphambili, elokubulala nelokuqhekeza umzi eVanderbylpark eRhawutini.

UPatekile udiza ukuba bobathathu bafunyenwe besaxwaye inyama leyo emqolo abarhanelwa. Uthi ukubiwa kwemfuyo ngeli xesha lokuphela konyaka yeyona nto ihamba phambili kula mmandla.