Bafuqwe livumba abahleli nomfuyi weehagu

Indawo yaseSiqikini eGonubie, apho abahlali bakhala ngevumba abathi lisyka kwindawo egcine iihagu. Umfanekiso: Buziwe Nocuze
ABAHLALI baseSiqikini, eGonubie kwisixeko saseMonti bacele umasipala waseBuffalo City ukuba angenelele, kwinto abayibiza ngokuba kukuhlaliswa kakubi ngomnye wabo.
Aba bahlali bavakalise ukuba inzima impilo yabo kula matyotyombe ngenxa yehoko yeehagu abathi ibaphethe kakubi kuba iyanuka kwaye yenza kubenzima ukuvula iminyango yamatyotyombe abo.

ULazola Jibiliza ongumhlali wale ndawo uthe baxakwa nakukuhlala phandle ngenxa yokunuka kule ndawo. Uqhube wathi,”Kudala simcela ukuba ayeke ukufuya iihagu kule ndawo kuba sikholelwa ukuba akuvumelekanga ukufuya kuba kaloku asikho sezilalini apha.” Ukwathe, iinzame zabo ziwela phantsi kuba akamameli umnikazi wazo nanjengoko kudala becela ukuba azihambise.

Omnye wabahlali balendawo uthe,”Sicela umasipala angenelele asincede kuba thina sohlulakele ngoku.” Ukwathe abantwana bayagula yile nto kwaye abanye bayagubhuka emzimbeni.

UZilungile Msithweni otyholwa ngabahlali ngokufuya iihagu nokungamameli isicelo sabahlali uziphendulele wathi,”Bayandileqa nje abo bantu kuba ezohhagu bathetha ngazo ndazithengisa.”

Ukwathe ivumba kule ndawo lenziwa ngabahlali ngelindle elilahlwa ngabo basebenzisa amabhakede ukuzikhulula. “Mabohlukane nokuleqa umntaka Dlamini kwaye mabangazimeli ngam,” utshilo.

Isithethi sikamasipala waseBuffalo City uSibusiso Cindi uthe amagosa kamasipala ekunye nabagcinicwangco basekuhlaleni bavumelene kwelokuba akukho zilwanyana zifanele ukugcinwa kule dawo. 

“Umasipala sele esikhuphile isilumkiso kwabo banezilwanyane abazigcine kule ndawo,kwaye bonke abo banezikhalazo ngomntu ogcine izilwanyane mabazise lo masipala ngokunikezela ngegama lomnini zilwanyane kunye nedilesi ahlala kuyo,” utshilo uCindi.