Bagcine inkcubeko yabo ngomxhentso

Bakhulisa ulutsha kwicala lenkcubeko amalungu eqela lomxhentso wesiBhaca owaziwa ngokuba ngamaBhaca kaNoniko Traditional Group eBhayi nozinze kwindawo ebizwa ngokuba kukwa Ndokwenza kwilokishi yaKwaZakhele kulo mmandla.

UNozuko Mlenzana olelinye lamalungu eli qela uthe amaBhaca kaNoniko yimbumba yamanina esizwe samaBhaca enamasebe ngamasebe eziilokishini.Uthe kulo lonke iphondo lase Mpuma-koloni la manina ayadibana ukuphakamisa inkcubeko yesizwe sawo.

Uthe le migushuzo yinto eyaqalwa ngumama uNoniko kwelase Mt Frere kwaye liqela leminyaka litshotsha.Uhambise wathi oomama babo nabo babesakuba ngamalungu eli qela.

“Sidibene apha singabakhaya, senza izinto esazincanca kwimibele yabazali nookhokho bethu ababehamba nomama uNoniko, siyathunga izinxibo zakowethu, siyasina, sineembongi, sifundisa abeza emva kwethu ngokuhlonipha nokugcina amasiko akowabo “.Utshilo uMlenzana.

Elinye lalamalungu uEunice Maxoki uthe kubalulekile ukuba abantwana bazazi izinto ekwakuphiliswana ngazo ngabantu abadala.

Uthe uhlolo lweentombi zezinye zezinto abaziphakamisayo beleliqela esitho ukuthwala yenye yezinto ezazisenziwa ngookhokho kwintmbi zalo maxesha.

“Kungoku nje urhulumente okhoyo uyawacinezela amanye amasiko ethu nokuthwala oko sele iyinto engena kufane yenziwe ngenxa yokuba kukho imithetho ebekiweyo ethi ilwa nokuxhatshazwa kwabantwana.

Lamanina athi anqwenela ukukhenketha lonke eli efundisa amanye amanina akwaBhaca koko intlungu ajamelene nayo kukungabikho kweenkonzo nto leyo ebangela ukuba bangahambeli ndawo.

“Sicela ukuba abantu basincede ngokusiqasha nangesipho esiyimali sikwazi ukufezekisa iminqweno yethu,” utshilo uMlenzana.