Bagcinwe eluvalelweni abatyholwa ngokuthengisa iilayisenisi zokuqhuba

SIGCINWE eluvalelweni isithathu sabarhanelwa abajongene namatyala obuqhetseba nawobuqhophololo bokuthengisa iilayisenisi zokuqhuba izithuthi eLibode kumasipala iNyandeni.

Esi sithathu siquka amagosa ezendlela amabini, uNonceba Matsinya, kwakunye noNomonde Mangesi.

Bobabini basebenza kwiziko elikhupha iilayisenisi kumasipala iNyandeni. Babanjwe nendoda efundisa uluntu ukuqhuba eLibode uMphikeleni Maqekeza, notyholwa njengongqondongqondo oqokelela abantu abafuna ukuthenga ezi layisenisi.

Babanjwe libutho lamapolisa ooKhetshe eLibode ngoLwesibini wale veki.

Bobathathu bebevele kwinkundla kamantyi eLibode izolo, kodwa ityala labo lamiselwa umhla wokuqala wale nyanga siya kuyo kwakule nkundla.

Kulindeleke ukuba bafake isicelo sebheyile xa bebuyela enkundleni.