Inzima into efikele isizwe nedemokhrasi yalo. Like lathi ke kambe elinye iciko lakumaPedi, idemokhrasi akukho nto igwenxa iyenzileyo, kwaye nezinto ezikuMgaqosiseko weli lizwe zizinto ezintle kakhulu. Utsho ke loo mfo ebalula izinto ezintle ezibekwa nguMgaqosiseko, etsala kanye kwezi sithi zisixakile: ezingabantwana nabafazi. Uthethe loo mfo ndava ndicinga elamaMpondomise akuthi elithi “akukho nto imbi kwaphela”, kwanethi “naselindleni lenja uyawutsala umsonto uphume ucocekile nga ungandinxa ngawo ingxibi yakho.”
Uninzi lwabantwana bale mihla alunambeko, alumbeki umntu omdala. Loo ntswelambeko ke ityholwa kulo Mgaqosisekondini. Nam ke andikho ngaphesheya kwabolatha kuwo ngale ngxaki sikuyo ngabantwana bethu.
Kambe ke kwauMgaqosiseko lowo uyinzaliseko yokwathethwayo ngaphambili ngeNcwadi yoBulumko, kwathiwa kuya kubakho abantwana abangevayo, izibethinina nezibethiyise.
Zininzi ke nezinye izinto ezithethwe yileyo Ncwadi esizibona zisenzeka kule mihla. Mhlawumbi ke singathi akukho Mgaqosiseko wenze nto, koko lixesha lizalisekile.
Ekuxakweni yile mihla ke, ingaba yeyoMgaqosiseko okanye yeyeNzaliseko, kuxhomekeka kuwe ukuba ukholana nayiphi na kwezi.
Kukho abathi bakoyiswa kungcono kufike ilizwe elitsha esithenjiswe ngalo kwiNcwadi yoBulumko, kuba eli lisahlule. Ndizive ndingcangcazela ke ndakubhaqa kwakule Ncwadi yoBulumko indawo ethi “Yeha abo bangxamele imini kaYehova!” Inaba ithi ke le ndawo imini leyo kaYehova ayiyi kuba kukukhanya yoba bubumnyama kwabaninzi. Ndaziva ndisoyika ke ngoku xa kanti neli lizwe lesithembiso linezinto ezingayi kulunga kwabanye, ndanga ndingayiqakatha nendawana ethi “Mabufike ubukumkani bakho” kuba ndisoyika kwabona obo. Kazi kulunge yiphi na ke zinkosi!
Mihla nezolo abantwana bethu bahlelele ukusonyelisa, benza izinto ezenza singabazi nokuba basengabantu kusini na.
Xa ubona umntwana owenza into egwenxa, engaba kukubetha umhlohli okanye kukukhuthuza nokuba kukubulala okanye ukuzuma; ucinga ngomzali nekhaya aphuma kulo lowo mntwana.
Xa ndidibana nomntwana endingamaziyo phaya kuthi ndimbuza ngabazali kuba ingabona ndobazi lula kunamagama abantwana, abazothi sele bewaxelile ndiphinde ndibabuze ngomso.
Rhoqo ke ndithetha ngabo ndosoloko ndisithi “laa nkwenkwe kaMvubenjana, okanye laa ntombi kaNoziwelene”, okanye umzukulwana. Kukwanjalo ke naxa besenza izinto ezitenxileyo, babizwa ngooyise noonina, kuthiwe ngumntakabani lo endaweni yokuthi nguzibaningeshe lo wenze le nto.
Kowu, ndatsho ndacinga oyintombazana ebendimbone enxile eludaka edolophini eGcuwa, ebetha ngezikatshiwo embindini womgaqo ebusuku. Ndicenge umfana obeqhuba ukuba alumke angamenzakalisi, ndisithi “ngumntwana womntu lo.” Khange ndihoye eyokuba ngubani na yena igama lakhe, ndicinge nje ngabazali bakhe. Hayi ke kambe abantwana bethu ukutshisisa ngelanga amagam’ ethu!
Wumbi ke utyhola ukusilela kwabazali ukumqeqesha umntwana. Bakho ke ngenene abazali abangakwaziyo ukuqeqesha, nto leyo ichaphazela intlalontle besakukhula abo bantwana. Nangani kunjalo, mna ndityhola ukungaqeqesheki, hayi ukungaqeqeshi. Kukho umahluko phakathi kokungaqeqesheki nokungaqeqeshwa.
Enokuba umzali akanangqeqesho na emntwaneni okanye uqeqeshela esitiyeni okwenkobongela, baninzi abantu abalungileyo akhulela phakathi kwabo umntwana. Kusweleke ntoni ke engafundi kubo nje?
Ezi zibethibazali nezigebenga nezidlwengu zikhulela phakathi kwabefundisi nabagcinimthetho nabalondolozintlalo; kwaleni ukuze zingafundi kubo? Hele!
Umntu into ayiyo uzikhethela yena ngokwakhe, nokuba kungaluphi na uhlobo. Basile abantwana esibazeleyo.
Begeza nje bageza ngamagama ethu. Mhlawumbi awabo engabizwa nje kukuba akanto ilungileyo kwaukuwabiza. Goba msenge iibhokhwe zikutye! Owenu kwisiXhosa, Nxuba.
Ubethwe entolongweni uNandipha Magudumana