Bagqunyuzwe olungophiyo abaseMatatiele!

Inkampani emke nesikhuntyu semali ebizwa ngokuba yiGrowth Point Solution

Bangapha kwamakhulu amahlanu abantu abashiyeke bekhala esimantshiyane emva kokuba beshiyeke bengenayo nemdaka isenti, ngenxeni yokuqhathwa yinkampani yomgunyathi ebizwa ngokuba yiGrowth Point Solution kwidolophu yaseMatatiele.

IGrowth Point Solution yinkampani ibigcinela uluntu imali, isithi umntu makafake kangangoko efuna nanjengoko izakuthi iphinda-phindane emva kweenyanga ezithile xa ezoyilanda, kodwa kulo umjikelo akukhange kubenjalo koko bafike kukhal’umoya.

Isithethi samapolisa ala mmandla neziphaluka, uKapteni Raphael Motloung, uthi kufike igquba labantu liyokufaka isimangalo kwisikhululo samapolisa malunga nenkampani le emva kokuqaphela kwamalungu athile atyale imali yawo kwiGPS ukuba kukhala umoya kumagumbi eGPS.

“Amaxhoba othukile akufika kukhala umoya kula magumbi esithi awakhange axelelwe. Xa betsalela iinombolo zomlawuli wenkampani le, akakhange afumaneke. Kwaye lo mnikazi weGPS, umke neso sikhuntyu singachazwanga semali njengoko uluntu beluphinda-phinda ukufaka imali, ngeenjongo zokufumana isixa esibonakalayo,” uvale ngelo uMotloung.

Uthi amapolisa ala mmandla alivulile ityala kwaye ayalwenza uphando.

UMotloung uthi kudala uluntu lulunyukiswa ngezinto ezilolu hlobo, kodwa lusathe gqolo ukubethakala nokuthemba amashishini emigunyathi.

Uthi mabangaqhathwa zinkampani ezintsha zabucala abantu.

Abantu mabagcine iimali zabo kwiibhanki bohlukane nemigunyathi yeebhanki.

I’solezwe lizamile ukutsalela umnikazi wenkampani le, kodwa awukhange ubanjwe umnxeba.

abongile.ginya@inl.co.za