Bagqwese phantsi kweenzingo

Ukufundela ekhaya, ukufunda kungekho mbane kwanoxinzelelo obeludlala engqondweni ngenxa yeCovid-19.

Ezi zezinye zezinto ezithethwe ngabafundi abathe baphumelela emagqabini kuGrade 12 ka2020. AmaXhosa athi ningaxhentsa nonke, kodwa ubugcisa bokuxhentsa bukubantu abathile. Iinkwenkwezi ziyakhanya zonke, kodwa ukukhanya kwazo esibhakabhakeni akufani.

Abafundi abasixhenxe abagqwesileyo ephondweni UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Kubafundi abangamawaka ngamawaka eMpuma Koloni abathe babhala iimviwo zikaGrade 12 nyakenye, abanye babo baye bakwazi ukuphumelela emagqabini. Kodwa basixhenxe kuphela abathe babizelwa eMandla Makupula Education Leadership Institute eStirling eMonti ngoLwesibini, ukuya kunikwa amawonga.

USimamkele Bhongo waseXolilizwe SSS kuGatyana, ebengomnye wabo. UBhongo ungoyena mfundi othe wagqwesa elizweni nasephondweni phantsi kwebakala lezikolo eziphuma kwiindawo ezihlelelekileyo.

USimamkele Bhongo waseXolilizwe SSS UMFANEKISO: UTHUNYELWE

“Ndivuya kakhulu, ndizele imincili. Sifunde kunzima, kodwa sazama kangangoko sinako. Imeko ibimaxongo nyakenye. Mna ndiphuma kwisikolo esisezilalini, ebesihleli singathathintweni nangaphambi kokuba kufike iCovid-19. Ukufika kweCovid-19 kwenze izinto nzima, kodwa asikhange siyekelele.

“Amaxesha amaninzi besifunda kungeko mbane, sifunda ngamakhandlela okanye sikhanyise ngeefowuni zethu. Ndibulela nootitshala bethu ngenkxaso, kuba kukho nabanye abafundi esikolweni abathe bagqwesa ephondweni,” utshilo uBhongo, othi uza kwenza izifundo zobugqirha eUCT.

Omnye wabo nguNtsika Gosa waseZimele High School eMthatha, ofumene u100% kwiZibalo (Mathematics) nakwiNzululwazi (Physical Science). UGosa ukwafumene iwonga lokuba ngoyena mfundi ugqwesileyo kwizibalo.

UNtsika Gosa waseZimele High UMFANEKISO: UTHUNYEWE

“Ndothuke kakhulu. Ewe bendisebenza ngokuzimisela, kodwa khange ndiyicinge ukuba ndiza kuba ngumfundi ogqwesileyo. Ndibulela kuThixo ngale mpumelelo,” utshilo uGosa, encokolela I’solezwe lesiXhosa.

UGosa, waseCentule eMthatha, uthi ukuvalwa kwezikolo nyakenye ngenxa yobhubhane weCovid-19, kumnike ithuba elikhethekileyo lokuzifundela kowabo.

“Mna kuthe xa kuza kuvalwa izikolo ngenxa yeCovid-19, ndathutha ndaya ekhaya ukuze ndiyokufunda. Ekhaya ndifumene inkxaso engummangaliso, ndaqhuba kakuhle kakhulu nezifundo zam,” utshilo uGosa, othi uza kwenza izifundo zobugqirha eUCT.

Yena uYiva Linathi Ngunda waseSt James SSS kuCofimvaba, ongomnye wabafundi abagqwesileyo ephondweni, uthe: “Ndiziva ndichulumancile kakhulu, kuba lo nyaka sisuka kuye ubungekho lula. Ezi ziphumo zindinika amandla okuqhubekeka nangakumbi. Unyaka ka2020 ubunzima kakhulu, ubangela uxinzelelo. Ngethamsanqa kwesethu isikolo, siye sanezifundo ezongezelelweyo ukuxabangela ixesha elithe lalahleka.”

UNgunda uthi uya eWits ukuya kwenza izifundo zobugqirha “ukuze ndikwazi ukusindisa ubomi babanye”.