Bagredile ‘abantwana’ bakaMadosini

Banikwe iziqinisekiso zokuba balugqibile uqeqesho lokwenza nokusebenzisa izixhobo zomculo wemveli abo bebeyinxalenye yeMadosini Indegenious Instruments Project.

Le projekti iqale kunyaka ophelileyo, yathatha iinyanga ezintlanu nalapho aba bebefundiswa ukwakha izixhobo zomculo ezifana noHadi noMrhubhe.

Umququzeleli wale projekthi uAndrea Dondolo, uthi kwiinyanga ezintlanu ezidlulileyo zale projekthi bezinawo amajingi-qhiwu, ebalula ukusalela ngasemva kwabanye kubantu ababeqale kunye nabo.

“Ihambo ibintle kakhulu kwaye akukhange kubonakale ukuba kukho abaqhuzuke endleleni, kuba okubalulekileyo sigqibe sinabafundi abangamashumi amathathu, nani elo sasizixelele ngalo kwakusaqalwa.”

Abanye baba bebengenelela nanjengoko iqhuba iprojekthi kwizikhewu zabo bathe bashiya phakathi.

OkaDondolo uthi “Le projekthi sisisele senyathi esinqwenela ukuba izizukulwana ngezizukulwane zikwazi nazo ukurhabula kuso, oku kuthetha ukuba esi ayisosiphelo koko kuphele ixesha laba. Kuza kubakho elinye igqiza labantwana elithathwayo liyokuncanca nalo kulombele.”

Uthi abazali babantwana babaxhase kakhulu bebavumela ukuba baye kwindawo bekufundiswa kuyo rhoqo ngoMgqibelo, isithuba seenyanga ezintlanu.

Ukwabulele isikolo samabanga aphakamileyo iChris Hani Art School, nekuyiyo ethumele inani elivisayo labafundi esibabone njengabona bangathatha inxaxheba.

Omnye kubafundi abafumene uqeqesho kule projekthi nguLuleka Zepe uthi “ Ndiziva ndichulumance kakhulu kuba ngoku ndifumene ithuba lokubuyela kwizixhobo zesintu, yonke le projekthi indenze ndaziva ndizingca nangakumbi ngobuntu bam.”

isibhalo@inl.co.za