Inkundla yamatyala ezorhwebo eGqeberha igwebe ababesakuba bengabasebenzi bakwa-Absa, uAbongile Tyusha (30) kunye noFlorika Shenay Owusu (31) iminyaka emihlanu ngobuqhophololo nobusela kunye neminyaka elishumi ngokuxhaphaza imali.
Iminyaka emine kwishumi leminyaka egwetyiweyo ixhonywe iminyaka emihlanu phantsi komqathango wokuba abazukophula umthetho wePrevention of Organised Crime Act ngelo xesha. Esi sibini siza kuchitha iminyaka emithandathu entolongweni.
La mabhinqa mabini baye basebenzisana kweli qhinga ngokufaka imali kwiiakhawunti zebhanki ezingasebenziyo ukuya kwiiakhawunti ezintsha abazivule ngobuqhetseba.
Ngokwengxelo yesithethi seGunyabantu lezoTshutshiso (NPA) eMpuma Koloni, uLuxolo Tyali, uOwusu obesebenzela kwisebe lasePatensie kunye noTyusha owatshintshelwa kwisebe laseDutywa bakwazile ukungena kwinkqubo yebhanki ye-elektroniki ka-Absa ze bavula iiakhawunti besebenzisa amagama abantu ababhubhileyo kunye nabemi bangaphandle ngaphandle kolwazi lwabo.
UTyali uthe phakathi kweyeNkanga ka2019 ukuya kweyeSilimela ka2021, benze amakhadi ezi akhawunti ukuze kube lula ukugqithiselwa nokutsalwa kwemali ngobuqhetseba.
UTyali uqhube wathi aba basetyhini bafumene kwaye bavula kwakhona iiakhawunti ezingasebenziyo ezili18 ezazisetyenziswa ngabemi bangaphandle kunye nabemi boMzantsi Afrika abangasekhoyo.
Ezi akhawunti bazivuselelayo zazisetyenziselwa ukuthumela iimali ezibiweyo kwiiakhawunti zobuqhetseba.
Kuthiwa iAbsa ikwazile ukulandela yonke le ntengiselwano nanjengoko umntu ngamnye ebenekhowudi, kwaye kwafumaniseka ukuba esi sibini sithumele imali engaphaya kwesigidi seerandi (R1 million) kwiiakhawunti zobuqhophololo ekuthe kwatsalwa kuzo yaze yasetyenziswa.
UTyali uthi le mali ibibiwe isasazwe kwiiakhawunti ezahlukeneyo eziquka ezo zibhaliswe ngamagama abantu ababhubhileyo neakhawunti enye yomntu wasemzini onepasi eliphelelwe lixesha.
Esi sibini salivuma ityala.
UNdlozi ubhengezwe njengomsasazi omtsha wePower FM