Kugwetywe abafana abane abaphakathi kwamashumi amabini ananye ukuya kumashumi amabini anesine ubudala yinkundla ephakamileyo yaseMthatha nebichophe ePort St Johns, emva kokufunyanwa benetyala lokubulala umkhenkethi waseKapa.
USiyavuya Madikizela (21), Sifiso Mnyandu (23) Jongile Mcologwane, (24) kwakunye noNceba Zobhula (23) bafunyenwe benetyala lokubulala uRobert Meek owayekwikhefu nosapho lwakhe ePort St Johns. UMeek wadutyulwa ehleli nosapho lwakhe ngomhla weKrisimesi kunyaka ka-2013, kwihotele ababekuyo iMpande Camps kule dolophu.
Kubungqina obuthwe thaca phambi nkundla ngo-2013 xa kwakuqala ityala bavelisa ukuba ixhoba lalizonwabele kwakunye nosapho lwalo ngethuba kufika abarhanelwa, babakhomba ngompu benyanzelisa ukuba balale phantsi befuna imali ngenkani. UMeek wadutyulwa ngumrhanelwa wabhubha kwangoko, ngethuba abanye begqogqa, kodwa babaleka bengafumananga mali emva koko.
Isithethi Segunyabantu Lezotshutshiso kwingingqi yaseMthatha uLuxolo Tyali uthi, abarhanelwa baliphika ityala phambi kwenkundla.
Kulapho umtshutshisi wetyala uSibusiso Nolutshungu wakwazi ukondlala ubungqina obatyabeka aba barhanelwa kweli tyala. UTyali ukwathe, abarhanelwa zange banikwe bheyile ukususela oko bathi babanjwa lingekaqali ityala labo de kwawiswa isigwebo.
Bobane bagwetywe iminyaka engamashumi amabini anesibini esentolongweni umntu ngamnye.
Kubhubhe abayi-45, konzakala omnye kwingozi yebhasi eLimpopo