Bagwetyiwe ababulali bakaMgushelo

Agwetyiwe amadoda amabini aseDutywa emva kokufunyanwa enetyala lokubulala umhlobo wabo kwindawo yentselo.

UWandile Dyosini (30) kwakunye noBongani Sixaba (30) bagwetywe yinkundla yengingqi yaseGcuwa emveni kokufunyanwa benetyala lokuhlaba, bephinda phinda kugxa wabo uAndile Mgushelo onamashumi amabini anesithathu (23). Umntu ngamnye uzakuchitha ishumi elinesihlanu leminyaka engaphakathi eziseleni.

Ngokweengxelo eziphuma kwisithethi samapolisa aseGcuwa uKapteni Jackson Manatha zithi, ixhoba lalikwindawo yentselo kwakunye nababarhanelwa kwilali yabo yaseSheshegu eNgxakaxa eDutywa.

“UMgushelo wahlatywa wabulawa emveni kwengxabano ebabenayo ngaphakathi kumzi wentselo. Owona nobangela ngqo wokuxabana kwabo, zange ucace kwaphela. UMgushelo waye wabhubha kwangoko kwindawo leyo yentselo,” utshilo uManatha.

Ityala lokubulala laye lavulwa kwisikhululo samapolisa saseDutywa.