Bagwetyiwe abadlwengula inkosikazi ekhulelweyo

Agwetywe ubomi yiNkundla ePhakamileyo yaseRhini amadoda amabini, uLuvo Gebenga kwakunye noAbongile Hlahla emva kokuba ubungqina bukhombe kubo ngqo ukuba ngabo abadlwengula inkosikazi eneminyaka engamashumi amabini anesihlanu ubudala yaseUgie, neyayineenyanga ezintlanu ikhulelwe.

Ngokwengxelo ephuma kumapolisa ala mmandla ithi, oku kwenzeka kwilali yaseBhekela ngomhla wokuqala kwinyanga yeKhala kunyaka ophelileyo ngethuba le nkosikazi ihamba yodwa ebusuku isisa isitshixo sendlu kubhuti wayo.

UWarrant Officer Moitheri Bojabotseha uthi, endleleni lisazihambela njalo ixhoba ladibana nesi sibini, nesoxutha izinto ezazikulo, sakugqiba sanyanzela ixhoba ukuba lijike indlela lilandele bona.

“Ukufika kwabo kwindlu le ikwaseBhekela eUgie, badlwengula ixhoba betshintshiselana ngalo beliphindaphinda, ekukhaleni kwalo ixhoba zange babenesazela baqhubekeka likhala njalo bakugqiba baphela emehlweni,” utshilo uBojabotseha.

Ngosuku olulandelayo kwavulwa ityala lokudlwengula ze abarhanelwa babanjwa, kwaye ubungqina bencindi bangqinelana nawo amaxhoba. Ityala emva kokuqhuba lixoxwa liye lathunyelwa eRhini nalapho bagwetywe khona ngoLwesihlanu.

UGebenga ugwetywe iminyaka engamashumi amabini anesithathu engaphakathi eziseleni ngetyala lokudlwengula, ze kongezwa emihlanu yokuqhekeza.

UHlahla ugwetywe ubomi bakhe bonke engaphakathi eziseleni ngokudlwengula ngaphezulu yaba yiminyaka emihlanu yokuqhekeza.

UMkomishinala wamaPolisa ePhondweni, uNjengele uLieutenant General Liziwe Ntshinga, uqhwabele izandla umcuphi wasetyhini uConstable Masiza ngokuthi asebenzisane nabeGunya-Bantu lezoTshutshiso nabakhokelele ekubeni bagwetywe abenzi bobubi.