Bagwetyiwe abapakanyela inkosikazi enye beyidlwengula!

Amadoda amathathu awapakanyela  intwazana eneshumi elinesithoba ubudala ngokuyidlwengula ngobusuku obuthile ivela ecaweni, agwetyiwe yinkundla yengingqi yamatyala eTsomo ngoLwesine.


Ngokwengxelo ephuma emapoliseni, ixhoba lalivela ecaweni lizihambela lodwa ngethuba ligagana nala madoda mathathu endleleni kuse busuku. Oku kwenzeka ngomhla weshumi elinesihlanu kwekaCanzibe  ngo2014 kwilali yaseBhongithole kuHebe-hebana eNgqamakhwe.

Isithethi samapolisa aseGcuwa neendawo ezingqongileyo uKapteni  Jackson Manatha, uthi ixhoba larhuqwa ngala madoda elirhuqela kumzi ongasahlali bantu bafika batshintshiselana ngalo.

Ityala lavulwa kwisikhululo samapolisa eNgqamakhwe ze laphandwa ngamapolisa ajongene namatyala okukhusela abantwana namanina abangamaxhoba okuxhatshazwa aseGcuwa.

Kwesi sithathu sabarhanelwa nguSesethu Bhuqa, 23, nogwetywe iminyaka engamashumi amabini engaphakathi entolongweni.  USive Mgqobhoka, 22, kwakunye noNqaba Mayaphi, 23 – bagwetywe ngokulingananyo ngeminyaka engamashumi amabini anesithathu besentolongweni.  Inkumanda kwisikhululo  samapolisa aseGcuwa uBrigadier Ngangema Xakavu usamkele esi sigwebo.