Bagwetywe iminyaka elishumi bengaphakathi eziseleni abanini beeteksi yinkundla yengingqi yaseMount Frere. USiyamcela Bonga (32) kwakunye noSimfumene Macingwana (41) bagwetywe kwiveki ephelileyo, emva kokuba inkundla ibafumene benetyala lokutshisa iimoto ezimbini zepolisa.
Ngokwengxelo ebidandalaziswe phambi kwenkundla, uMacingwana ekunye noBavuyise Sikweliti, baye babanjwa ngomhla weshumi elinesithathu kwinyanga yoMdumba kunyaka ophelileyo ngetyala lokuba imoto, bebanjwa nguConstable Siyabonga Msindwana.
Emveni kokuba baye bakhutshwa ngebheyile ngomhla wesithathu kwinyanga elandelayo, iingxelo zithi, uMacingwana waye wafuna uncedo lukaBonga ekubeni makamncedise bafundise isifundo uMsindwana ngokuba ethe wababamba.
“Ngobusuku obuthile umhla wesithathu kwinyanga kaCanzibe kunyaka ophelileyo, esi sibini saya kwikhaya likaMsindwana kwilali yakuMpendla ngaseMount Frere bafika batshisa iiveni ezimbini zikaMsindwana iToyota Hilux kwakunye neMazda Drifter emveni koko baqhawula,” utshilo othethela igunya bantu lezotshutshiso uLuxolo Tyali
Utata kaMsindwana waye wababona ngethuba kusitsha, wakwazi ukuthatha iincukacha zemoto leyo yayikhwele abarhanelwa.
Ummelwane kaMsindwana wabona ukuba kukhwele bani kwimoto leyo igqotsileyo emveni kokutsha kweemoto zeli polisa.
Umtshutshisi wale nkundla uChumile Mkentane uye wadiza ukuba esi sibini sifanelwe yintolongo, kwaye sihlale ixesha elide, ingakumbi behlasele ilungu lesipolisa, into ebonisa ukuba abawuhloniphi umthetho.
Igunya bantu lezotshutshiso lisamkele esi sigwebo ngelithi, oku kwakufundisa nabanye isifundo.
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika iza kufika ngoLwesine