Bagwetywe iminyaka eyi-15 abaphanga ubisi neeswiti

Abafana abaselula, abakwiminyaka elishumi elinesithoba, bagwetywe iminyaka elishumi elinesihlanu (15) beqamele ngenqindi ejele kulandela ukufunyanwa benetyala lokuphanga iSpaza eKaladokhwe apho bathatha ubisi neeswiti ezixabisa amakhulu amathathu anamashumi asibhozo eerandi (R380).

Esi sibini nguThembikhaya Faniso (19) kwakunye noFiriri Mgezo (19) Oku kwenzeke emva kokufunyanwa benetyala lokuqhekeza iSpaza esikwisitalato iQhina eKaladokhwe kwinyanga yeKhala nyakenye.

Isithethi samapolisa alo mmandla uKapteni Stefanie Smith ungqinile ngenene ukuba aba bafana baphanga olu bisi neeswiti ezixabisa iR380 kumnini wesiSpaza.

Inkumanda yamapolisa akwingingqi yaseKaladokhwe uBrigadiya Madoda Zamkana, uwuncomile umsebenzi owenziwe ngumcuphi weli tyala uConstable Siyabonga Ntsimango, watsho ekwancoma nesigwebo esinikwe esi sibini esithi oku kwakuba sisifundo nakwezinye izaphuli mthetho.