Bagwetywe ubomi entolongweni ababulali bakaBongiwe

Umama kaBongiwe uthwele iqhiya enamabala amnyama namhlophe, phakathi kwamalungu eSJC phambi kwenkundla ephakamileyo yaseNtshona Koloni Umfanekiso: Unathi Tuta

Bagwetywe ubomi entolongweni abafana abane abafunyenwe benetyala lokuxhaphaza babulale inenekazi elalineminyaka elishumi elinesithoba ubudala, enguBongiwe Nini. Inkundla ephakamileyo yeli phondo leNtshona Koloni igwebe uMasithembe Solontsi, uPhumlani Nyewu, uMelikhaya Gushelo noThabiso Balithoba ukuba bachithe ubomi entolongweni.

UBongiwe wabulawa kwinyanga yeKhala kunyaka ka-2015 kwingingqi yaseSite C eKhayelitsha nalapho umzimba wakhe wafunyanwa wombathiswe ngeshithi ze wanyhalwa kumngxunya wokuhamba amanzi. Ingxelo zidiza ukuba abarhanelwa basebenzisa umhlakulo ukubulala ixhoba emva kokuba balibetha. Ummangalelwa wokuqala nowayesakuba liqabane lakhe yaba nguye obetha kuqala.

Inkundla ive ukuba umfi wayesuka kwindawo yolonwabo kunye nabahlobokazi bakhe nabathi xa besiya kulala yena wala, esithi usayakuqhubekeka nolonwabo. Kuvakala ukuba uhambo lwakhe lwamkhokelela kwikhaya lommangalelwa wokuqala nowaye wamgxotha umfi esithi ulindele inenekazi ancuma nalo.

Umama kaBongiwe ubiziwe kumkhumbi wamangqina phambi kokuba inkundla iwise isigwebo nalapho athe, “indiphethe kakubi empilweni into yokubulawa ngokumasikizi komntwana wam obekukuphela kwakhe oyintombazana. UBongiwe ebendithembise ukuba uzakundakhela ngokutsha ikhaya lam kodwa ngoku akukho mntu uyakufezekisa lo mnqweno. Ndingumntu onesifo seHigh Blood kwaye siye saqatsela sukela oko ndeva indaba zokusweleka kwakhe.”

Inkundla inobungqina bokuba abarhanelwa bobane basenza esi siganeko benenjongo enye, yokubulala ixhoba. Ijaji ebichophele ityala, uJaji Mushtak Parker, uchaze indlela awabulawa ngayo uBongiwe njengemanyukunyezi kwaye abammangalelwa ababonakalisanga kuzisola.

UNontando Adams ongudade kaBongiwe uthe, “sixolile noko nathi silusapho, asiphindi simbone umntana wasekhaya. Ngoku nabo bazakuhlala eluvalelweni ubomi babo bonke.”

Ophuma kumbutho weSocial Justice Coalition (SJC), uChumile Sali, uthi basamkela ngezandla ezishushu isigwebo senkundla. Uthi “sinethemba lokuba esi sigwebo siyakuba sisilumkiso nesifundo nakwabanye abantu ebebecinga ngokwenza ulwaphulo-mthetho olukumila kunje. Ijaji itshilo nayo ukuba ababulali bakaBongiwe bambulala ngenjongo kwaye ababonakalisanga kuzisolo, siyabona ke ukuba ziyaxhaphaka iziganeko zokubulawa kwabantu ababhinqileyo eKhayelitsha.”

Usomlomo wegunyabantu lezotshutshiso kweli phondo leNtshona Koloni, uEric Ntabazalila, uthe “siyavuya ngomsebenzi oncomekayo owenziwe ngabacuphi nabatshutshisi ebebephethe eli tyala.”

Umama kamfi udize ukuba oyena mntu ebemazi kakhulu ngummangalelwa wesibini (Nyewu) namchaze njengomntu owayengumhlobo omkhulu kaBongiwe ebesiya kumtyelela nakwikhaya lakhe. Uthi zamothusa kukhulu iindaba zokuba naye uyabandakanyeka kwisiganeko sokumbulala, esithi ebemthembile, bekufanele ukuba amkhusele.