bagxeka umasipala iNdlambe ngelahleko abasunguli beprojekthi

Amalungu eMasiphile Projekthi, kumhlaba wabo abathi aawusenanzuzo oko umasipala waqala iphulo lokulinywa kweChicory kuwo. Umfanekiso: Buziwe Nocuze

ATYHOLA umasipala waseNdlambe ngokungasigcini
isithembiso amalungu eprojekthi iMasiphile, ekwindawo yaseDuza ePort Alfred. 
Le projekthi, iMasiphile yasungulwa ngonyaka
ka-1999, kwaye inamalungu angamashumi amabini anesibini.

Umanejala wale projekthi uThozamile Pikoli
uveze ukuba ngethuba bengekancediswa ngumasipala waseNdlambe yonke into yayihamba
kakuhle, nanjengoko bebezilimela ikhaphetshu, ispinatshi, iitapile nezinye izityalo.

Ukususela kunyaka ophelileyo kule projekthi
kuqaliswe ukulinywa iChicory ngentsebenziswano nomasipala, kodwa la malungu athi akukabikho
nzuzo ayifumeneyo ngokulinywa kwayo, nanjengoko ingafani nezinto ebebefudula
bezilima.

UPikoli uthe, “Yonke into ibihamba kakuhle kodwa ngoku kunzima ukuba sityale ezinye izinto okanye sithengise.” Bakhala ngelithi xa becela izithole kulo masipala abazinikwa, nto leyo
yandisa iingxaki kubo. 

 UNomfazi Pikoli olelinye lamalungu ale projekthi
uthe kwalo Chicory ilinyiweyo apho ityiwa ziinkomo, kwaye umasipala uyala
ukuzibamba. 
Uqhube wathi,”Sicele elinye lamagosa alo
masipala ukuba ayibambe imfuyo engena kumasimi ethu kodwa lathi ngekhe bakwazi.” 

Ukwathe bayalidinga kakhulu uncedo kuba bayakuthanda ukulima nto je baphoxwa
ngulo masipala. Lo kaPikoli ukwaveze ukuba abakasifumani isithembiso socingo
ababele kwakulo masipala, ngelokunqanda imfuyo ingangeni.

ULungile Makawula oligosa lophuhliso,
kwicandelo lophuhliso loqoqosho kumasipala waseNdlambe uthe sele belithengile
ucingo lokubiya eMasiphile, kodwa basalinde umntu ozakulifaka. Kumba
wezithole zezinye izityalo ezifunwa ngamalungu eprojekthi uthe, “Unobangela
wokuba sithi makulinywe iChicory yodwa kungenxa yokuba sibone iyiyo efunwa kakhulu
kodwa ngokuhamba kwexesha sizakuzityala nezinye izinto.” 

Watsho esithi ucingo lokubiya lizakufakelwa kungekudala.