Umphathiswa wesebe
lezendlela nemisebenzi yoluntu eMpuma Koloni uThandiswa Marawu utyityimbisele umnwe
oomasipala beli phondo ngomkhwa wokungathatheli ngqalelo nokubetha ngoyaba
inkqubo yemisebenzi enanileyo karhulumente (EPWP).
UMarawu ukuthethe
kumsitho wokuqala wamawonga iKamoso Awards, apho bekuwongwa oomasipala, amaqumrhu, namasebe
karhulumente, kwakunye nemibutho yabucala eqhube kakuhle kwinkqubo yeEPWP
ephantsi kwesebe alikhokeleyo kunyaka
Lo msitho ububanjelwe
kwaDan ngaphandle kwaseMthatha kubusuku bangolwesine, uzinyaswe ngabo bonke
oomasipala beli phondo.
Iphulo le EPWP lasungulwa
ngurhulumente kwiminyaka embalwa edlulileyo ngenjongo yokuvelisa amathuba
engqesho, ukugxothwa kwekati eziko nokuphuculwa kwempilo zabantu, yabekwa kwiiofisi
zosodolophu koomasipala abohlukileyo.
UMarawu obebonakalisa ukungonwabi uthe “Kukho
oomasipala abangayikhathalelanga inkqubo yeEPWP ususela oko yathi yasungulwa ngurhulumente
wayinika eli sebe. Kwabanye akukho gosa libekiweyo ukuqinisekisa ukuba iyaphumelela.”
Uqhube wathi, “Omasipala mababe nesabelo-mali esithathwa kwimali sabelo sezinto
ezisisiseko. Ndicela oosodolophu nooceba bayijonge ngeliso elibanzi le nkqubo
ukuze umsebenzi uhambe ngendlela efanelekileyo.”
UMarawu ukwathe “Kwiphondo elonganyelwe yindlala nentswela ngqesho,
kusekho oomasipala abangakwazi kusebenzisa imali yale nkqubo kodwa ikati ilele
eziko kumakhaya amaninzi.”
Angaphezulu kwamashumi amabini amacandelo awongiweyo, kuquka namasebe karhulumente. Umasipala ofumene ezona mbasa zininzi yiChris Hani. Lo masipala ufumene
imbasa ezisibhozo kwezingamashumi amabini anesihlanu.
Igosa elijongene nale nkqubo
eChris Hani uSimon Makhambi uthi bayavuya kukuphumelela amabhaso angaka. “Sikhuthazekile yile mpumelelo nokubonwa
komasebenzi wethu lisebe ephondweni.
Okona kusenze saphumelela emagqabini
kukucwangciso inkqubo,ukulawula ngokuzimisela nokuchitha imali ngendlela efanelekileyo
sigxothe ikati eziko kumakhaya amaninzi,” utshilo uMakhambi.
Usodolophu waseNyandeni uMesuli Ngqondwana uthe makuthathwe olunye unyawo kunyuswe umgangatho weEPWP kuphindwe kujongwe umgangatho
womsebenzi owenziwayo.
Amasebe afana
nelokhuselo nonxibelelwano, elezemfundo namanye nawo athe awongwa. Oomasipala
abangaphumelelanga bakhuthaziwe ukuba bazimisele kulo nyaka-mali.
Kubhubhe abayi-45, konzakala omnye kwingozi yebhasi eLimpopo