‘Bagxothelwe’ iR50 kwisikolo sasimahla

ISEBE lezeMfundo eMpuma Koloni limemelele kwizigqeba zolawulo ezikolweni, iiSGB ngamanye amagama, ukuba zihlonele imithetho futhi ziyazi ukuba xa isikolo kusithiwa ayisosentlawulo (no fee), lo nto ithetha ukuba akunakunyanzelwa bantwana ngentlawulo.

Oku kuza emva kwesikhalazo somzali onabantwana kwisikolo iZamukukhanya Primary School eQonce, esithi abantwana bakhe ababini “bagxothwe” esikolweni kuba bengenayo imali (fundraising) yesikolo.

Ngokwengxelo yeSGB yesikolo, “kwavunyelwana” ukuba umntwana ngamnye waseZamukukhanya uza kukhupha iR50 yengxowamali ngonyaka. Ukongeza koku, iSGB ithi kwavunyelwana ukuba kuza kukhutshwa isambuku samaphepha (A4) asetyenziswa kwiinkqubo zesikolo. AbeSGB bathi kwavunyelwana ukuba zonke ezi zinto, amaphepha neR50, kufuneka abe kanti akhutshiwe ekupheleni kwenyanga yoKwindla.

Lo mzali obebhalele I’solezwe uthi abantwana bakhe “bagxothwa” ngeveki yokuqala yenyanga ephelileyo, baphoswa yinkqubo yokufundisa ngenxa yokuba bengenayo le R50.

Lo mzali ubhalele I’solezwe lesiXhosa ngolu hlobo: “Molo mhleli, ndingumama wabantwana ababini ongathathi ntweni eDonqaba. Ndifun’ ukuqonda ba ithini le nto yemfundo yamahala kanti ezilalini xa ngoku abantwana bethu begxothwa kwisikolo iZamukukhanya Primary School ngenxa yemali kunye namaphepha abangawakhuphanga, kuthiwa siyithathaphi le mali ngoba siphila ngale granti kuphela asiphangeli.”

Eli linyathelo elingekho semthethweni kuba iZamukukhanya sisikolo ekufundwa simahla kuso, utshilo uMali Mtima isithethi sesebe lezeMfundo eMpuma Koloni.

Kodwa iSGB ithi akukho nto igwenxa ngokuxelelwa kwabantwana ukuba mabayolanda imali.

“Ayizange isiphathe (la leta yayibhalelwe kwiphephandaba I’solezwe lesiXhosa) kakuhle kuba ihlaza isikolo sethu. Kudala sisihla sisenyuka sifuna inkxasomali yesikolo. Le yale leta isothuse kakhulu,” utshilo usihlalo weSGB eZamukukhanya uLulamile Skotshi.

“Kukho isivumelwano phakathi kwabazali neSGB. Savumelana ukuba kuza kukhutshwa imali engange-R50 yengxowamali nesambuku samaphepha. Ezi zinto savumelana ukuba kufuneka zibe kanti zikhutshiwe ekupheleni kwenyanga yoKwindla. Aba bantwana abagxothwanga, koko kwathiwa mabayokulanda imali.”