Buguquke bakrakra ubom babafundi abathandathu abenza izifundo zobongikazi kwikholeji yabucala iCandle Light eLibode emva kokugxothwa ngabasemagunyeni betyholwa ngokungaphumeleli uvavanyo.
Aba bafundi baqale ukufunda kweli ziko ngenyanga ka-Epreli kulo nyaka kwaye bekulindeleke ukuba bathathe iminyaka emithathu ubuncinane ukwenza ezi zifundo.
Ngokwengxelo kubanjwe intlanganiso eshushu phakathi kwesikolo , abazali kunye nabafundi ngoMvulo kukhangelwa unozala wale ngxaki nezisombululo. Omnye wabafundi ongavumanga ukubizwa ngegama kwingingqi yaseMthatha uphalaze imeko yakhe njengeyona imbulala umphefumlo kuba ebenethemba lokugqiba izifundo zakhe ukuze abenekamva eliqaqambileyo. Lo mfundi uthe: “Ukugxothwa kwethu sisikolo kuhambe ngondlela mnyama kuba sasixelelwe ukuba xa ungaphumelelanga uvavanyo unikwa ithuba lesibini ubhale kodwa thina akhange silinikwe sibone kubizwa abazali kwiveki ephelileyo , eyona nto isikrokrisayo kukuba kukhona abafundi abangene mva kuthi kwaye abakalubhali uvavanyo,sicingela ukuba bazama ukuphungula inani ukuze kungene bona ezindaweni zethu,kule veki kunzima nokutya andilali ebusuku kuphazamiseke nobomi bam andazi ukuba ndoqala ngaphi ke ngoku.” Lo mfundi ukwathe sele echithe imali engaphezu kwamashumi amabini amawaka (R20 000) kwezi nyanga zintathu zidlulileyo ngaphandle kwemali kamakufanwe.
Kusenjalo umfundi wesibini nosuka kwikhaya elingathathi ntweni uthi ebefunda ngokuthatha imali mboleko enethemba lobomi obungcono, uzeke mzekweni esithi baphungulwe kuba kusithiwa baninzi esikolweni . Andikholelwa ukuba andiluphumelelanga uvavanyo lwam kuba ndicele umfundisi ntsapho ukuba makandibonise amanqaku am kodwa watshona evela , nto leyo
indirhanisayo , ixhala lam kukuba ndizoyibhatala ngantoni le mali bendiyibolekile kuba bazoyitsala imali abazukundibuyisela yona,” utsho umfundi ogxothiweyo.
Umsunguli wesikolo iCandle Light uNombulelo Zwakala ungqinile ngokukhutshwa kwabafundi esikolweni esithi lo mba usaphethwe yimanyano yabongikazi iDenosa. uZwakala uthe:
“Indlela ebesiqhuba ngayo ithi umfundi ongaphumelelanga kuvavanyo besiye simfake kunyaka olandelayo. Kodwa kulo nyaka sithe xa sithatha abanye abafundi safumana umyalelo osuka kwibhunga elilawula abaongikazi kuzwelonke South African Nursing Council lisithi inkqubo yokufunda esikolweni (curriculum) iyatshintsha kunyaka ozayo kungoko kungazuthathwa abanye de kubengunyaka ka2018, into esizoyenza ngalo nyaka soqala ngabo ukubathatha sibafake kwinkqubo entsha , esi sigqibo seli bhunga sisacelwa umngeni yiDenosa kuba anqongophele amanesi.” USizwe Kupelo othethela isebe lezempilo eMpuma Koloni uthi njengesebe abangeni ndawo kwinkqubo yolawulo lwezikolo zabucala, uthe isebe liqinisekisa ukuba izikolo zibhaliswe ngokusemthethweni. Ibhunga elilawula abongikazi alifumanekanga ukuba liphefumle ngalo mgaqo. Abafundi bathi bafuna kuphandwe ukuba akukho nyawo lwemfene kusini na ekugxothweni kwabo eCandle Light.
UMzantsi Afrika uza kongamela iG20: Kuthetha ntoni oko?