Bagxwal’ emswaneni abahlali baseMotherwell

Abahlali baseMotherwell besiya kwiholo lokuhlala Imifanekiso: Sisonke Mlamla

Banxubil’ abahlali baseMotherwell eBhayi  ngenxa yesithwakumbe esehle kule ndawo,  apho kudlwengulwe kwabulawa intwazana
eneminyaka eneshumi elinesine (
14),  nebifunda kwibanga lesithandathu kwisikolo
iMfesane
  kwalapha eMotherwell.

Izolo (uLwesihlanu)  abahlali bale ngingqi, bebambisene namapolisa,
abefundisi, Iliso lesipolisa,  iqela
lomxhentso iKuyasa, iRISE iqela lamantombazana, kwakunye noceba wale ndawo, bebesithi
mayiphele le nto yokubulawa kwabantwana nabantu basetyhini, kananjalo bekwawukhalimela
umba owenziwa ngabafundi bakugqiba ukubhala ebizwa ngokuba yi ‘Pens down’.

ULunga Minyayo,  ongusihlalo weliso lesipolisa laseMotherwell
uthi lo ngumkhwa owonyanyekayo kakhulu, kwaye beliliso lesipolisa
bayawukhalimela, uqhubeke ngelithi njengoko iluxanduva labo ukuqinisekisa
ukhuseleko kuluntu, kwaye abahlali mabazame ukusebenzisana neli liso, lujongane
neendawo zentselo zingangenisi abantwana.

Abahlali bakwakhalazela nemiwonyo, amabhodlo
ezindlu ezingagqitywanga ukwakhiwa ngurhulumente,  besithi ezi zindlu zezinye ezenza izinga
lobundlobongela linyuke, ngoba izigila-mkhuba zisebenzisa zona  nanjengoko ixhoba lidlwengulelwe kuzo.

“Ezi zakhiwo zibizwa ‘up rising’ zinomphezulu
nomzantsi, zayekwa zingekagqitywa ezinye kuzo zachithwa ngabahlali kuba
bengazinikwa,’’ utshilo uMnu. Morgan Tshaka  onguceba wase NU 29 eMotherwell.

“Iingcaphephe zabona ukuba ezi zindlu zingahamba
zonakale ziwe, yiyo lo nto  kugqithe
iminyaka emihlanu zisenje,’’ utshilo uTshaka.

Umama uNontembeko Mlibali ongumseki nomphathi
weqela lomxhentso iKuyasa, uwukhalimele umkhwa wokuthandana nabantu abadala,
nokusebenzisa gwenxa kweziyobisi notywala kubantwana abaselula, ecenga ulutsha
ukuba luqiqe luzikise nokucinga.