Bahesha ukonyuswa kwemali eNyanga SSS

Ifuthe lephulo lokutshatyalaliswa kwentlawulo yokufunda i#FeesMustFall, eliqale kunyaka ophelileyo kumaziko emfundo ephakamileyo kweli lizwe, linwenwele nakwisikolo samabanga aphakamileyo iNyanga Senior Secondary kwidolophu yaseNgcobo.

Abafundi besi sikolo abangaphaya kwamakhulu amahlanu bayimise ngxi inkqubo yokufunda ngolwesibini bangena edolophini besingise kwi-ofisi zesebe lezemfundo.

Oku kuza emva kokuba befumanise ukuba imali yokufunda yonyuswe ngamakhulu amathathu aneshumi, eerandi (R310), nto leyo ethetha ukuba imali yonyaka ngamakhulu alithoba anamashumi amathandathu (R960). Kungoku nje abafundi bathi #R310MustFall.

Iphazamiseke kakhulu indlela esuka kwilali iNyanga ukuya edolophini kuba bakudikwa kukuhamba ecaleni kwendlela aba abafundi bangene ngqo kumgaqo weemoto, bekhwaza, besithi abaqhubi mabame umba abawuhambelayo wokulwela ikamva labo ubaluleke ukogqitha ezi ndawo abaqhubi baleqa kuzo.

Emva kweeyure besihla benyuka kwii-ofisi zesebe lezemfundo befuna umlawuli wesithili umnumzana uSimon Ncapai okudizwe ukuba usentlanganisweni angenako ukuphuma kuyo baye bamkelwa ngomnye wabahloli ongavumanga ukuba oonondaba basondele kwisango ekuthethelwe kulo.

Ingxelo yabafundi ithi, bazidlulisile izikhalazo zabo eziye zabhalwa phantsi ngulo mhloli watsho ethembisa ngokuzidlulisela kwabasemagunyeni.

Izikhalazo zabo zithi mayingonyuswa imali yokufunda, makuthathwe bonke abafundi abadinga indawo yokuhlala ehostele, ihostele iyeke ukupheka ukutya okungekho mgangathweni, banikwe iincwadi zokufunda ezoneleyo, kulungiswe izindlu zangasese abatyhola ngelithi zikwimeko embi yaye azicocekanga nanjengoko zingagungxulwa, bathi boyikisela impilo yabo.

Nangona bengamfumananga umlawuli wesithili abebemfuna ngamandla bathi okwangoku bonelisekile kukuba izikhalazo zabo zithathiwe ngethemba lokuba ezi ngxaki ziza- kusonjululwa ngokukhawuleza ukuba akwenzeki oko baza- kuphinda baqhankqalaze yaye ityeli lesibini bathi abayi kuza nganzolo.