bahlala esikolweni ngelizama impumelelo yebanga leshumi

Bazakuhlala ngaphakathi kumasango esikolo de
bagqibe iimviwo zebanga leshumi abafundi besikolo samabanga aphezulu iMatomela
High. Oku kuze emva kwesigqibo esithatyathwe ziititshala, nabazali
abanabantwana abafunda kwesi sikolo.

Inqununu yesi sikolo uVuyile Hobana, uthe yeyona
ndlela yokuqinisekisa ukuba abafundi bayazinikela emsebenzini wabo.

Uqhube wathi,”Siqale ngonyaka ka-2013 kwaye
iziphumo zesi sikolo zaphucuka kakhulu oko sathi saqala le nkqubo yokuhlalisa
abafundi bebabga leshumi apha esikolweni ngexesha leemviwo zokuphela
konyaka.”