Bahlaliswa esikolweni abafundi ngelizama ukuphucula iimviwo zebanga leshumi

Abafundi bebanga leshumi kwisikolo samabanga aphezulu iMatomela High esikwilali iGcinisa eNgqushwa. Umfanekiso: Nobuwe Nocuze

Bazakuhlala ngaphakathi kumasango esikolo de
bagqibe iimviwo zebanga leshumi abafundi besikolo samabanga aphezulu iMatomela
High esikwilali iGcinisa eNgqushwa. Oku kuze emva kwesigqibo esithatyathwe
ziititshala, nabazali abanabantwana abafunda kwesi sikolo.

Inqununu yesi sikolo uVuyile Hobana, uthe yeyona
ndlela yokuqinisekisa ukuba abafundi bayazinikela emsebenzini wabo.

Uqhube wathi,”Siqale ngonyaka ka-2013 kwaye
iziphumo zesi sikolo zaphucuka kakhulu oko sathi saqala uhlalisa abafundi
bebabga leshumi apha esikolweni ngexesha leemviwo zokuphela konyaka.”

Lo kaHobana ukwathe zininzi izinto
ebezinokuphazamisa abafundi xa behleli kumakhaya abo ngeli xesha. Ubalule ingxolo,
nokuphazanyiswa kwabafundi ziindawo zolonwabo nezinye izinto.

Ukwathe nangona isikolo besike sanengxaki
 yokungabi nootishala abafundisa izibalo, kwakunye nezolimo, bebze iinzame
zokubanceda ngabantu abanezi zakhono.

Bangamashumi amahlanu anesine abafundi bebanga
leshumi kwesi sikiolo nabavakalise ukuba bazilungele iimviwo zalo nyaka.

USiyamthanda Ngilana ongomye wabafundi uthe unethemba
lokuba uzakuqhuba kakuhle. “Nangona besingenaye utitshala wezolimo
sikulungele ukubhala ngenxa yoncedo esilifumene kowayesakuba ngumfundi kwesi sikolo
kwiminyaka engaphambili,” utshilo.

UDoris Wana olilungu lesigqeba kwesi sikolo uthe
inye into abayifunayo, yimpumelelo kwaye kungesosozathu besebenzisene
nootitshala ukuhlalisa abafundi esikolweni, nokuqinisekisa ukhuseleko lwabo.

Uqhube wathi,”Singabazali siyatshintshana
ngokulala esikolweni kuba sifuna ukuqinisekisa ukuba abafundi
bakhuselekile.”

Abafundi besi sikolo bazakugoduka bakugqiba iimviwo
zabo kwaye umzali ngamnye uhlawule amakhulu amahlanu eerandi yokutyisa
abafundi.