Bahombisa ngelindle kwindlu kaThixo eSidwadweni

Abafazi bebhidliza isakhiwo sePresbyterian Church of Africa UMFANEKISO: Uthunyelwe

Alikho ithemba lokumanyana nokuxolelana kumalungu enkonzo yasePresbyterian Church of Africa eSidwadweni, kuTsolo, emva kokuba elinye iqela labakhonzi bale nkonzo bathi bahombisa inkonzo ngelindle, baza kamva badiliza isakhiwo senkonzo.

Ingxelo ithi eli qela liqale le ngxwabangxwaba emva kokuba kukho umfundisi othile ngo2013 owayenyanzela ukwamkelwa kwakhe.

Oyinkokheli kweli cala lidilizelwe isakhiwo uNtobeko Didi uthi aba bantu bemka kule nkonzo.

“Baqhekeka nalo mfundisi wayenyanzelisa ukukhokela ngendlela engekho mthethweni, ngoku baqala ngokugalela ilindle apha enkonzweni ngenyanga yeSilimela, kamva babuye badiliza iphahla lendlu yenkonzo besithi bafuna amazinki ooyise mkhulu,” ucacise watsho uDidi.

Esi sakhiwo siminyaka ingamashumi amane anesihlanu simile sishiyeke sinkobonkobo emva kokuba eli qela liqhaqhe amazinki eluphahleni.

“Sabizwa kusithwa aba bantu baqhaqha indlu yenkonzo, sabiza amapolisa afika amapolisa athetha nabo, besithi bathatha amazinki ooyisemkhulu ababengamalungu ale nkonzo,” uthethe watsho uDidi.

Elinye lamalungu ashiyeke kwicala elichithelwe isakhiwo uNokwazi Ndlazi* uthi ngenene ikhona ingxaki kule nkonzo yakudala.

“Sishiye sibambalwa ukumka kwabo kuba bengqinelana nale ndoda inyanzelisa ukukhokela ngenkani ebandleni,” ucacise watsho uNdlazi (*asilogama lakhe lenyani).

Ngamakhosikazi angaphezu kweshumi athe enza lo msebenzi wokugalela ilindle enkonzweni nathe kamva abuya achitha uphahla lwendlu kaThixo.

“Kule nyanga iphelileyo ngomhla wamashumi amabini ananye bebesenkundleni kuTsolo, ngoku sizakuphindela enkundleni ngomhla wesihlanu kwinyanga ezayo,” ucacise watsho uDidi.

Iinkonzo zoMzantsi Afrika zigagene nengxaki yokuqhekeka ukusukela ekupheleni kweminyaka yo1980 ngenxa yefuthe lezopolitiko elithe langena ngamandla kumhlambi kaThixo.

Othethe egameni leqela elincothule amazinki enkonzweni uNophumzile Sibutha, uthi ngenene bayichithile inkonzo kaThixo.

“Isikhalo sethu sifuna amazinki ethu, sifuna amazinki wootatomkhulu kuba kwavela ukungavani enkonzweni saphuma, ngoku asinayo eyethu indawo yokukhonzela sifuna ukuzenzela indawo yokukhonzela, umthetho wawuthe masinikane amathuba okungena phaya emva kokuba saqhekeka,” ucacise watsho uSibutha.

Uthi bakulungele ukugagana nengalo yomthetho enkundleni kwinyanga ezayo.

“Sinegqwetha elisimeleyo, asinaxhala kuba sifuna okukokwethu apha, ndiyeke futhi ngoku enkosi,” uthethe watsho uSibutha.

Abefundisi bala macala omabini abafumanekanga ukwenza ilizwi ngalo mcimbi.